Dumisa UThixo Wendalo
1 Ukuma okuhle komhlaba, ubuqheleqhele belanga xa lisithi ndithenge, isibhakabhaka esizele ziinkwenkwezi ebusuku, ukuntyiloza okumnandi kweentaka—ngubani omdumisayo ngezi zinto zonwabisa kangaka? Ewe, sishukunyiselwa ukuba sidumise uThixo wendalo. Sivumelana ngeentliziyo zethu ziphela nesibhengezo esikwiSityhilelo 4:11. Sifanele simdumise uYehova uThixo, ngenxa yokuba wadala zonke izinto.
2 NgoSeptemba, njengabakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo, sinethuba lokuvakalisa inyaniso ngoMdali wethu nangenjongo yakhe emangalisayo ngalo mhlaba. Incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni yenye yezona ncwadi zintle sakha sanazo ukunceda abantu baqonde iBhayibhile. Le mpapasho isixhobisela ukukhusela ngenkalipho iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile.
3 Amathuba Okunikela Le Ncwadi: Kusenokusinceda ukucingisisa size senze uludwe lwamathuba okuhambisa le mpapasho intle. Ngokungathandabuzekiyo umsebenzi wendlu ngendlu uya kuba yindlela eyintloko yokunikela incwadi Unokuphila Ngonaphakade. USeptemba yinyanga yokuqala yonyaka omtsha wenkonzo. Ngaba unokucwangcisa ixesha elingakumbi kule nyanga ukuze ube nesabelo kulo msebenzi? Kwakhona amabandla amaninzi aya kube esebenza umhlaba ongabelwanga bani. Kutheni ungenzi umgudu owongezelelekileyo ukuze unikele le ncwadi kubo bonke aba bantu bangafane babufumane ubungqina? Abantu abahluphekayo basenokuphumelela ngakumbi ukuthenga incwadi Unokuphila Ngonaphakade encinane.
4 Kwakhona amaNgqina aselula asenokunikela le ncwadi kubantwana abafunda nabo nakubafundisi-ntsapho babo. Kutheni ungayi kuye ngamnye wabafundisi-ntsapho bakho nakubantwana ofunda nabo ovakalelwa kukuba bangakunandipha ukufunda le mpapasho intle? Kukweziphi ezinye iimeko esinokuhambisa ngazo incwadi Unokuphila Ngonaphakade? Omnye umqhubi welori wanikela le ncwadi kubantu awayedibana nabo kuhambo lwakhe. Intshayelelo yakhe yayilula. Wayebonisa abantu le ncwadi aze abachazele ukuba yena uye wafunda izinto ezininzi ezimangalisayo kuyo ibe oko aye wakufunda kuye kwabuguqula ngokwenene ubomi bakhe. Ebudeni beenyanga ezintathu, wahambisa iincwadi ezingama-200 ezithi Unokuphila Ngonaphakade esebenzisa le ndlela ingacwangciswanga.—wXO84 5/1 iphe. 26-8.
5 Kubulungiseleli bendlu ngendlu, kubungqina basesitratweni, ekwenzeni amabuyelo—kunconyelwa ukuba umvakalisi ngamnye abe nombhalo omnye okanye engakumbi yencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Musa ukuya entsimini ungayiphethanga! Isimo sakho sengqondo esihle xa utshayelela le ncwadi, uchaza oko ikuquletheyo naxa uyihambisa siya kulungiselela indlela yokuqalisa izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezitsha ezininzi.
6 Ngamnye wethu makathandazele uncedo lukaYehova ukuze sisebenzise onke amathuba okuxelela abantu ngoMdali wethu omangalisayo. Funa iindlela zokusebenzisa incwadi Unokuphila Ngonaphakade. Kwanga esi sixhobo sihle singavuselela abantu abaninzi ngakumbi ukuba babe nomnqweno wokuphila ngonaphakade ukuze kuzukiswe uMniki-bomi ‘noMenzi wezulu nomhlaba.’—INdu. 146:6.