IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/93 iphe. 8
  • Ukunceda Bonke Ababonakalise Umdla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunceda Bonke Ababonakalise Umdla
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uyazisikelela Iinzame Esizenzayo Zokubakho ESikhumbuzweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Kutheni Sisiya ESikhumbuzweni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • “Hlalani Nisenza Oku Nindikhumbula” Kuza
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Nceda Abanye Bangenelwe Kwintlawulelo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 3/93 iphe. 8

Ukunceda Bonke Ababonakalise Umdla

1 Ukholo lwethu nothando lwethu ngabanye luya kusishukumisela ukuba ebudeni bukaMatshi sincede size simemele eSikhumbuzweni bonke ababonakalise umdla kwisigidimi soBukumkani. Abo banjalo kufuneka bakhokelelwe kwilungiselelo likaYehova losindiso, elisekelwe kwidini lentlawulelo likaKristu.—Heb. 9:28.

2 Kuyinto entle ukwenza uludwe lwabo ufuna ukubamemela eSikhumbuzweni. Quka nabaphi na abaye maxa wambi babekho kwiintlanganiso nabo babekhe bafundisisa ngaphambili okanye babonakalisa umdla ngezinye indlela. Musa ukuwalibala amaqabane angakholwayo namanye amalungu entsapho. Emva kokwenza uludwe lwakho yenza umgudu okhethekileyo wokuya kuye ngamnye wabo. Kusenokufuneka ucele abadala ukuba bakuncede ekwenzeni amanye aloo matyelelo.

3 Yintoni onokuyithetha kolo tyelelo?

Emva kokubulisa ngobuhlobo, usenokuthi:

◼ “Kwixesha elidluleyo, uye wabonakalisa umdla kwizinto zokomoya, yaye ndicinge ukuba uya kusixabisa esi simemo sokuba ubekho kwisiganeko esikhethekileyo. [Nika umninimzi isimemo esishicilelweyo seSikhumbuzo.] ISikhumbuzo sokufa kukaKristu kuphela kwesiganeko iNkosi uYesu Kristu eyayalela abalandeli bayo ukuba basikhumbule. Sikhangele phambili ekwenzeni impinda ngoko uKristu wakufezayo ngokufa kwakhe nangendlela esinokubufumana ngayo ubomi obungunaphakade ngenxa yako. Kunyaka ophelileyo, kubekho abantu abangaphezu kwezigidi ezili-11 kule ntlanganiso ikhethekileyo. Ndingavuya ukuba unokuhamba nam ukuze ubekho kulo nyaka.” Qiniseka ukuba ulibhala phantsi ixesha nendawo ibandla lakho eliya kusiqhubela kuyo iSikhumbuzo. Kwakhona, mxelele ukuba unokumlungiselela into yokuhamba ukuba oko kuyimfuneko.

4 Xa abo baqalayo ukuza bebakho kwiSikhumbuzo, bafanele benziwe bazive bamkelekile. Bancede baqhelane nabavakalisi basekuhlaleni uze ubazise kuye nawuphi na umntu onomdla osenokuba uhlala kufutshane nekhaya labo. Kuya kubakhuthaza ukwazi ukuba kukho abantu abaliqela kubamelwane babo abanomdla enyanisweni. Bameme beze kuhlala nentsapho yakho ebudeni beSikhumbuzo ukuba oko kunokwenzeka.

5 Kambe ke, ukubakho kwiSikhumbuzo nje kuphela akuyi kubaqinisekisa ukuba baya kusinda. Kodwa kwabaninzi obamemileyo, kunokuba linyathelo lokuqala lokukholwa kwigazi likaYesu elaphalalayo. Xa nigoduka nivela kule ntlanganiso, lubuze olo ndwendwe enoba beluya kuthanda ukubakho kwiNtetho yeSidlangalala neSifundo seMboniselo kwiCawa elandelayo. Yiba nobuhlobo nobubele. Lwenze lwazi ukuba ukulungele ukulunceda kangangoko unako. Okukhona lukhawulezisa ukuqalisa ukunxulumana nathi rhoqo, kokukhona inkqubela yalo yokomoya iya kukhawuleza. Olunjani lona uvuyo nolwaneliseko esiya kuba nalo lokusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ ndawonye nabanye abaninzi esisenokuba siye sakwazi ukubanceda!—ISityhi. 7:9, 14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share