Luxhase Ngokupheleleyo Ucwangciso LweNtlanganiso Yesidlangalala Yebandla Lakho
1 Kwiminyaka eyadlulayo omnye umfana wafumana isimemo esibhengeza iintlanganiso zebandla lasekuhlaleni. Ekubeni wayefuna inyaniso, wagqiba kwelokuba aye kwiNtlanganiso Yesidlangalala kwangaloo Cawa, wafika kwangethuba eholweni. Omnye umvakalisi wambulisa ngobubele waza, ebudeni bencoko yabo, wacela ukumqhubela isifundo seBhayibhile, kodwa akazange asamkele. Noko ke, wachukunyiswa kakhulu yintetho yesidlangalala elungiselelwe kakuhle kangangokuba wayiguqula indlela awayecinga ngayo, waza emva kweentlanganiso wasamkela isifundo. Lo mfana wenza inkqubela ngokukhawuleza waza wabhaptizwa kwiinyanga eziliqela kamva. Ubuncinane sinokufunda izifundo ezithathu eziluncedo kula mava.
2 Okokuqala, iNtlanganiso Yesidlangalala yayibhengeziwe. Ngaba niyazisebenzisa izimemo ezishicilelweyo ukubhengeza ucwangciso lweentlanganiso zebandla lenu? Njengokuba usihlalo esazisa umxholo wentetho yesidlangalala eza kunikelwa kwiveki elandelayo, cinga ngabo basenokuba nomdla ngokukhethekileyo kulo mbandela kwintsimi yakho, enoba bayalufundisisa uncwadi lwethu okanye akunjalo. Bambi abantu abakuthandi ukufunda, okanye baba nobunzima gqitha xa befunda, kodwa basenokukulungela ukuphulaphula intetho exubusha ngeZibhalo.
3 Okwesibini, lo mntu usemtsha wamkelwa ngokufudumeleyo. Ukuba uceba ukufika kwangexesha eholweni kangangoko unako, unokubulisa abazalwana noodade wenu kunye nabaphi na abantu abanomdla. (Heb. 10:24) Ukuba umntu osemtsha uyaqala ukubakho, usenokungayazi into eza kwenzeka. Mchazele ukuba iintlanganiso zethu ziqala ngengoma nomthandazo, uze umxelele indlela intlanganiso leyo eza kuqhutywa ngayo. Ukuba kufanelekile, mmeme ahlale nawe ukuze nibonisane ngeBhayibhile neculo. Mmeme ukuba axubushe nawe nayiphi na imibuzo asenokuba nayo yakuba intlanganiso iqukunjelwe.
4 Okwesithathu, intetho yayilungiselelwe kakuhle. Abo banelungelo lokumela ibandla njengezithethi zasesidlangalaleni bachitha iiyure ezininzi belungiselela yaye beqhelisela umbandela wabo ukuze balolele abaphulaphuli eluthandweni nasemisebenzini emihle ngakumbi. Sonke sicinezelekile namhlanje, yaye into esiyifunayo ukuze isincede sinyamezele ziinyaniso ezihlaziyayo zeLizwi likaThixo. Kakade ke, kungakhathaliseki ukuba inemfundiso kangakanani na intetho yesidlangalala, ayinakusinceda kangako ngokobuqu ngaphandle kokuba sinikela ingqalelo epheleleyo koko kuthethwayo. Ngaba ngamathub’ athile ukufumanisa kunzima ukunikela ingqalelo ebudeni bentetho? Kunokukunceda ukubhala amanqaku amafutshane, njengokuba sidla ngokwenza ezindibanweni zethu. Qiniseka ukuba utyhila iBhayibhile yakho njengokuba kufundwa kuze kucaciswe indinyana yeSibhalo ngasinye.
5 UMbutho ulungiselele iintetho zesidlangalala ezixubusha ngemibandela emininzi yeZibhalo. Lisebenzisa umveleli owongamelayo okanye umzalwana ammiseleyo, iqumrhu labadala lilungelelanisa ucwangciso lweNtlanganiso Yesidlangalala yebandla. Imibandela enikelwe nguMbutho ikhethelwe ukuxubusha ngeemfuno zasekuhlaleni ezikhoyo. Musa ukuphoswa nayenye kule nkcazelo ibalulekileyo, yaye yixhase ngokupheleleyo iNtlanganiso Yesidlangalala yebandla lakho yeeveki ngeeveki.