IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/01 iphe. 7
  • Ziyavulwa Izikolo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ziyavulwa Izikolo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Abantwana Bakho Sebelungele Ukubuyela Esikolweni?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Lutsha—Lisebenziseni Ngokunengenelo Ixesha Enisesikolweni Ngalo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Ngaba Umntwana Wakho Ufanele Afunde Kwisikolo Ekuhlalwa Kuso?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Abantwana Besikolo AbangamaNgqina Banconywa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 12/01 iphe. 7

Ziyavulwa Izikolo

1 Ngenyanga kaJanuwari, ulutsha lwethu luqalisa unyaka omtsha wesikolo. Kukho izinto ezimyoli esinokukhangela phambili kuzo, kodwa kukwakho nezinye izinto ezimbalwa ezinokubangela inkxalabo. Ulutsha oluninzi luza kufundiswa ngabafundisi-ntsapho abahlukeneyo, luqalise izifundo ezitsha, yaye oko kuza kulusondeza kubafundi abatsha. Ulutsha lwethu lufuna ukusebenzisana namagunya esikolo nabanye abafundi, kodwa kufuneka lukhumbule ukuba kufuneka luphaphele nantoni na enokulonzakalisa ngokomoya.—1 Kor. 15:33.

2 Eyona nto ixhalatyelwe kakhulu ngabantwana bamaNgqina nolutsha kukuphepha impembelelo eyosulelayo yehlabathi, egqugqisileyo kumaziko emfundo akumazwe amaninzi namhlanje. AmaKristu aselula nakhulileyo amele abe nenkalipho ekuxhathiseni imilinganiselo yehlabathi nendlela yokucinga eliyikhuthazayo ngoku ngokuphathelele imilinganiselo yokuziphatha, yaye afanele ‘azilinde’ ngokufunda nokukhokelwa liLizwi likaYehova. (INdu. 119:9) Abazali kufuneka bakwazi oko kufundiswa esikolweni ukuze bakwazi ukunikela ulwalathiso olufanelekileyo kubantwana babo. Ukuba oko kufundiswa esikolweni okanye kwenye indawo kuyangqubana nobungcwele nobunyulu obufunekayo kubakhonzi bakaYehova, kumele kuphetshwe.—1 Pet. 1:15, 16.

3 Kwakhona kubakho iimbambano eziphathelele imigidi yobuzwe, ukubhiyozelwa kweeholide, ezemidlalo, ezonqulo okanye iimbutho. Incwadana enemifanekiso ethi Isikolo NamaNgqina KaYehova iluncedo kulutsha lwamaKristu ngokuphathelele le mibandela. Ukuba akunawo umbhalo wobuqu, inokufumaneka kwiCD-ROM yeWatchtower Library. Ukongezelela, incwadana enemifanekiso ethi Imfundo nencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula kunye nethi Ukuqiqa zinokusetyenziswa. Iimeko ezinokuba nzima zinokoyiswa okanye zincitshiswe xa abazali babantwana abancinane beqala ngokwabo ukuthetha nabafundisi-ntsapho besebenzisa umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Imfundo. Bangachaza ukuba oku kuza kunceda umfundisi-ntsapho aziqonde ngakumbi iinkolelo nemigaqo yethu. Ukudlulisela le nkcazelo kumfundisi-ntsapho kunganegalelo ekudaleni umoya wentsebenziswano.

4 Ukongezelela, kuya kuba kuhle ngabafundi abangamaKristu ukuba bagcine imibhalo yobuqu yencwadana enemifanekiso ethi Isikolo, incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula, nencwadana enemifanekiso ethi Imfundo zikunye neencwadi zabo zasesikolweni. Adla ngokuvela amathuba okunikela ubungqina kwabanye abafundi ababuza imibuzo xa kuxutyushwa ngeenkolelo zethu. Kwakhona, abantwana bamaNgqina bafanele basoloko behamba neAdvance Medical Directive/Release Card okanye i-Identity Card yabo ehlaziyiweyo ngamaxesha onke, etyobelwe ngamangqina afanelekileyo. Abo basebenzisa esi siluleko baya ‘kuba njengonobuqili obona intlekele azifihle.’—IMize. 22:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share