Ngaba Uliphatha Ngokufanelekileyo ILizwi LikaThixo?
1 UYesu Kristu wayengoyena mfundisi ubalaseleyo wakha waphila emhlabeni. Wayethetha ngendlela echukumisa iintliziyo zabantu, echukumisa iimvakalelo zabo, yaye ebakhuthaza ukuba baqhelisele imisebenzi emihle. (Mat. 7:28, 29) Wayesoloko esebenzisa iLizwi likaThixo xa efundisa. (Luka 24:44, 45) Wayelunikela kuYehova uThixo uzuko ngento yonke awayeyazi nawayefundisa ngayo. (Yoh. 7:16) UYesu wabamisela umzekelo obalaseleyo abalandeli bakhe ngokuliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo.—2 Tim. 2:15.
2 Nompostile uPawulos wayengumzekelo obalaseleyo wokuliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo. Wayengabafundeli nje iZibhalo abanye; wayebacacisela aze aqiqe ngoko wayekufunda, ebabonisa ngokusuka eLizwini likaThixo ukuba uYesu wayenguKristu. (IZe. 17:2-4) Ngokufanayo, uApolo umfundi owayeliciko “wayezazi kakuhle iZibhalo,” yaye wayezisebenzisa kakuhle ekushumayeleni inyaniso.—IZe. 18:24, 28.
3 Yiba Ngumfundisi WeLizwi LikaThixo: Abavakalisi boBukumkani banamhlanje baye banempumelelo kakhulu ekufundiseni abantu abantliziyo zinyanisekileyo ngokucaphula nangokuqiqa ngeBhayibhile. Kwenye imeko, omnye umzalwana wasebenzisa uHezekile 18:4 nezinye izibhalo ezihlobene neso xa wayeqiqa nomfundisi namarhamente akhe amathathu ngekamva labangendawo nelamalungisa. Ngenxa yoko, amanye amalungu ecawa aqalisa ukufundisisa, laza elinye lawo ekugqibeleni layamkela inyaniso. Kwenye imeko, omnye udade wacelwa ukuba acacisele indoda echasayo yomntu onomdla isizathu sokuba amaNgqina kaYehova engayibhiyozeli iKrismesi nemihla yokuzalwa. Njengoko wayefunda iimpendulo zeZibhalo ngokuthe ngqo kwincwadi ethi Ukuqiqa, lo mfo wayevumelana naye. Umkakhe yamvuyisa gqitha loo nto kangangokuba wathi: “Siza kuza kwiintlanganiso zenu.” Nale ndoda yavuma!
4 Lusebenzise Uncedo Olufumanekayo: UBulungiseleli Bethu BoBukumkani nocwangciso lweNtlanganiso Yenkonzo bunikela ulwalathiso oluhle lokusinceda ekuphatheni iLizwi likaThixo. Uninzi lwabavakalisi luye lwavakalisa uxabiso ngeentshumayelo ezahlukahlukeneyo zokusinceda ezicetyiswayo nezipapashwayo kuze kwenziwe umboniso ngazo neziye zangqineka zisexesheni yaye ziphumelela. Ukuqiqa NgeZibhalo kunamacebiso amaninzi ngendlela yokucacisa ngokufanelekileyo imibandela ephambili engaphezu kwama-70 ekwiLizwi likaThixo. Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade lunikela ushwankathelo oluchanileyo lwazo zonke iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko ekufuneka abasebatsha beziqondile. Isifundo 24 nesama-25 seNcwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sisibonisa indlela abafundisi abanobuchule abazitshayelela, nabazifunda baze bazicacise ngokufanelekileyo ngayo izibhalo. Sifanele silusebenzise kakuhle lonke olu ncedo sinalo.
5 Xa siliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo, siya kufumanisa ukuba “liphilile kwaye linamandla . . . yaye liyakwazi ukuqonda iingcamango nozimiselo lwentliziyo” yabo sishumayela kubo. (Heb. 4:12) Impumelelo esiyifumana ngalo iya kusishukumisela ekubeni siyithethe inyaniso ngenkalipho engakumbi!—IZe. 4:31.