ILizwi LikaThixo Linikela Ukhokelo
1 “Siphila kwihlabathi elineengxaki ezininzi ngokugqithiseleyo kodwa elinezicombululo ezimbalwa gqitha. Ngokuthe rhoqo izigidi ezininzi zabantu zilala ngendlala. Inani elandayo likhotyokiswe ziziyobisi. Iintsapho ezingakumbi nangakumbi ziyaqhekeka. Izenzo zokuziphatha okubi ngokwesini phakathi kwezalamane nogonyamelo olwenziwa kumalungu entsapho zisoloko zisezindabeni. Ngokuthe ngcembe umoya esiwuphefumlayo namanzi esiwaselayo aya ezaliswa yityhefu. Kusenjalo, abangakumbi nangakumbi kuthi baba ngamaxhoba olwaphulo-mthetho.”
2 Itshayelela ngaloo mazwi incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Le ntshayelelo yayo ifaneleke ngakumbi namhlanje kunangexesha eyapapashwa ngalo le ncwadi kwiminyaka esixhenxe edluleyo. Abantu bafanele bazi ukuba iLizwi likaThixo linikela ukhokelo nezicombululo kuzo zonke iingxaki ezibathwaxayo. NgoDisemba siza kuzabalazela ukunceda abantu ngokubanika INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike nencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ikhona ngesiBhulu, ngesiSuthu, ngesiXhosa nangesiZulu yaye siya kuba senza kakuhle ukuba siyihambisa kwabo bathetha ezi lwimi. Kambe ke, ukumshiyela nje uncwadi umntu akusosiqinisekiso sokuba uya kulwamkela ukhokelo lukaThixo. Simele sibuyele ngenjongo yokuqalisa isifundo seBhayibhile. Ngokuqinisekileyo siya kuncedwa ukuba senza umgudu onjalo. (Mat. 28:19, 20) Nazi ezinye zeentshumayelo ezicetyiswayo:
3 Ukuba udibana nomntu okhulileyo, usenokuzama le ntshayelelo:
◼ “Ndicela ukukubuza: Ngoxa wawuselula, babephethene njani abantu ekuhlaleni? [Vumela impendulo.] Ngoku izinto zahluke mpela, andibi kunjalo? Ucinga ukuba yintoni engunobangela wale nguqulelo? [Vumela impendulo.] Eneneni sibona inzaliseko yesiprofeto seBhayibhile. [Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-5.] Ngaphandle nje kokuba ilichaza ngokuchanileyo ihlabathi ngobunjalo balo namhlanje, iBhayibhile ithembisa ihlabathi elilunge ngakumbi kwikamva elingekude. Ngenxa yoko sikhuthaza wonk’ ubani ukuba afunde iBhayibhile. Ngaba uyiphawule indlela elula ngayo le Bhayibhile, iyiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ebendiyifunda?” Mcacisele ukuba iyinguqulelo echanileyo yesiXhosa sezi mini, nto leyo eyenza iqondakale kakuhle le Bhayibhile. Mbonise incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?, uze utyhile kwisahluko 10, esicacisa esinye isiprofeto esisibone sizaliseka. Hambisa iBhayibhile nale ncwadi ngomnikelo wee-R10,00.
4 Xa ubuyela kwakuloo mntu okhulileyo obumshiyele iBhayibhile nencwadi, unokuthi:
◼ “Ukugqibela kwethu ukuncokola, siye savumelana kwelokuba ibutho labantu lale mihla liye latshintsha lalibi ngeendlela ezininzi xa lithelekiswa nento ebebuyiyo ubomi kwiminyaka nje embalwa edluleyo. Noko ke, ndibuyele ukukubonisa ukuba iBhayibhile inikela ithemba ngehlabathi elitsha elilunge ngakumbi kwikamva. [Funda ISityhilelo 21:3, 4.] Ukwazi ukuba eli liLizwi likaThixo kufanele kusikhuthaze ukuba sikhangele kokunye okuthethwa yiBhayibhile.” Tyhila incwadi ethi Ililizwi LikaThixo kwisahluko 14, uze ufunde isiqendu 3-4. Mchazele ngesifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.
5 Ukuba uncokola nomntu oselula, unokuthi:
◼ “Ndithanda ukukubuza umbuzo othile: Njengomntu oselula, ngaba ucinga ukuba unesizathu sokuba nethemba ngekamva? Ucinga ntoni ngekamva? [Vumela impendulo.] Ngethamsanqa, sinaso isizathu esibambekayo sokuba nethemba ngekamva. [Funda INdumiso 37:10, 11.] Ekubeni iimbono zabantu zibethabethana ngeBhayibhile noko ikuthethayo, sipapashe le ncwadi ithi, IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Phawula izizathu ezibekayo zokufunda iBhayibhile. [Funda isiqendu 16-17 kwiphepha 10-11.] Sakuba seyisekile kwelokuba okuthethwa yiBhayibhile kuyinyaniso, sitsho sibe nethemba eliqinileyo ngekamva. Ukuba unqwenela ukuyifunda le ncwadi, ndingakuvuyela ukukushiyela yona ngomnikelo wee-R4,00.”
6 Xa ubuyela kumntu oselula owamkele incwadi ethi “Ililizwi LikaThixo,” usenokuqala ngokuthi:
◼ “Ndiye ndakuxabisa ukuva indlela olixhalabele ngayo ikamva. Khumbula ukuba ndiye ndakubonisa isibhalo esiseBhayibhileni esisithembisa ngekamva elonwabisayo nelinqabisekileyo. Nasi nesinye. [Funda ISityhilelo 21:3, 4.] Incwadi endiye ndakushiyela yona inikela ubungqina obeyisayo bokuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo, kungekhona elomntu. Oko kuzisa imbopheleleko enzulu. Phawula ukuba iyintoni. [Funda isiqendu 1-2 kwiphepha 184-5.] Ukuba ubungathanda, ndingakuvuyela ukufundisisa iBhayibhile kunye nawe ngesisa.” Ukuba usamkele isifundo, mbuze enoba unayo na iBhayibhile. Ukuba akanayo, hambisa i-New World Translation ngomnikelo wee-R16,00 okanye INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngomnikelo wee-R6,00, ukuba ikho ngolwimi lwakhe.
7 Umntu ongaziyo ukuba makathini na ukuze afumane ukhokelo lokujamelana neengxaki zobomi usenokusabela kule ntshayelelo:
◼ “Siphila kanye kwixesha laxa phantse wonk’ ubani ejamelana neengxaki ezinzima. Abaninzi baphethukela kubo bonke abacebisi xa befuna ukhokelo. Abanye babhenela kumachiza xa befuna uncedo. Wena ucinga ukuba singalifumana phi icebiso eliphilileyo elinokusinceda ngokwenene? [Vumela impendulo.] IBhayibhile ichaza isibakala esibalulekileyo ekufuneka sisiqondile xa sisonke.” Funda uYeremiya 10:23. Tyhila incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? kwiphepha 187, ufunde isiqendu 9. “Le ncwadi iza kukunceda uqonde indlela, eziya kuthi zishenxiswe ngayo zonke iingxaki zethu phantsi koBukumkani bukaThixo. Ngaba ubungethandi ukuyifunda?” Hambisa le ncwadi kunye ne-New World Translation ngomnikelo wee-R20,00 okanye neNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngomnikelo wee-R10,00, ukuba ikho ngolwimi lwakhe.
8 Ukuba kutyelelo lokuqala uthethe ngokuswela komntu ukhokelo, unokuhlabela mgama nengxubusho kwibuyelo ngokuthi:
◼ “Ukuqala kwethu ukudibana, siye savumelana kwelokuba ukuze sijamelane ngokuphumelelayo neengxaki zobomi kufuneka sifumane ukhokelo lukaThixo. Ngokuphathelele oko, ndicinga ukuba uya kuwaxabisa amagqabaza okuqukumbela akula ncwadi bendikushiyele yona. [Funda isiqendu 12-13 kwiphepha 189 kwincwadi ethi Ililizwi LikaThixo.] Ndingakuvuyela ukukuqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya ngesisa, yaye ndingakubonisa nendlela esiqhutywa ngayo ngalo mzuzu.”
9 UYehova uya kuyisikelela imigudu yethu njengoko sinceda abakhulileyo kwanabaselula ukuba baqonde ukubaluleka kweLizwi likaThixo nokhokelo lwalo kubomi bethu.—INdu. 119:105.