Nikela Ubungqina Naphi Na Apho Kukho Abantu
1 Eliqonda igalelo lomoya kaThixo kubulungiseleli bakhe, umpostile uPawulos wathi: “UThixo wathi gqolo ekhulisa.” Waphinda wavuma ukuba: “Singabasebenzi abangamadlelane kaThixo.” (1 Kor. 3:5-9) Eli lilungelo elihle. Singabonisa njani ekuhleni ukuba siyakuxabisa ukuba ngabasebenzi abangamadlelane noThixo? Ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo kubo bonke esidibana nabo kwizindlu ngezindlu nakwezinye iindawo.
2 Siyalelwa ukuba ‘senze abafundi abantu.’ (Mat. 28:19) Ukuba sidibana neqaqobana labantu xa sikubulungiseleli, sisenokukhawuleza sityhafe size sizive kungekho nto ingako siyenzileyo. Kwelinye icala, siyabunandipha ubulungiseleli bethu xa sifumana abantu abaninzi size sincokole nabo. Ngandlel’ ithile oku kunokuba lucelomngeni, ekubeni kufuna siye naphi na apho kukho abantu ngenjongo yokuthetha nabo.
3 Imizekelo Esebenzisekayo: Sinokunikela ubungqina ebantwini abasezimarikeni, ezipakini, kwiindawo zokuphumla, kwizikhululo zoololiwe nasezitekisini. Xa ukwisithuthi sikawonke wonke, ngaba ukulungele ukunikela ubungqina kuso? AmaNgqina amabini awayekhwele uduladula owayezele kungekho nendawo yokunyathela ukuya kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini ancokola ngomfanekiso weParadesi okwincwadi ethi Ulwazi, exubusha ngamadinga kaThixo ngekamva. Njengoko ayelindele, ityendyana elalimi kufuphi laliphulaphule yaye lachukunyiswa koko lalikuva. Ngaphambi kokuba lehle, layamkela incwadi laza lacela ukuba kubekho umntu olityelela ekhayeni lalo.
4 Abavakalisi abaninzi baye bafumana uvuyo ekunikeleni ubungqina obungacwangciswanga. Omnye udade waya kwindawo eneevenkile yasekuhlaleni ngenjikalanga waza waya kubantu abagqibileyo ukuthenga kodwa ababonakala bengangxamanga. Wahambisa lonke uncwadi olwalusengxoweni yakhe. Enye indoda eyayilinde kwinqwelo-mafutha yayo yavuya akuyinika amaphephancwadi. Yayikhe yaya kwiintlanganiso ngaphambili, yaye incoko yabo yaphinda yavusa umdla wayo.
5 Kulilungelo ukuphakamisa igama likaYehova. Ngokuba nenzondelelo ngomsebenzi wokushumayela, sibonisa ukuba siyayiqonda injongo yobubele bukaThixo obungasifanelanga. Ngenxa yokuba “lingoku ixesha elamkeleke ngokukodwa” lokunceda abanye, masiye naphi na apho kukho abantu size sinikele ubungqina kubo ‘ngomhla wosindiso’ lukaYehova.—2 Kor. 6:1, 2.