Sifanele Sibe Ngabafundisi, Kungekhona Abashumayeli Nje Kuphela
1 Kuye kwathiwa “amaNgqina kaYehova aye awugubungela wonke umhlaba ngokunikela kwawo ubungqina.” Kwenzeke njani oku? Akwenzekanga ngamandla abantu, kunoko kwenzeke ngomoya kaThixo osebenza kubakhonzi bakhe njengoko besebenzisa amalungiselelo awahlukeneyo okuphumeza uthumo lwabo lokushumayela nokufundisa.—Zek. 4:6; IZe. 1:8.
2 Iincwadi ziyindlela ephumelelayo ekuphumezeni umsebenzi wethu wokushumayela. Ukutyhubela iminyaka, amaNgqina kaYehova aye ashicilela aza asasaza amawaka ezigidi zeencwadi, iincwadana, iincwadana ezinemifanekiso, amaphephancwadi namaphecana ukuze abhengeze iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Iingxelo ezikwiNcwadi Yonyaka Yowe-1997 zibonisa ukuba inani loncwadi oluye lwaveliswa liye laphul’ izikeyi. Sithetha nje, yimibhalo engaphezu kwezigidi ezingama-91 yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha eye yashicilelwa. Kunyaka nje omnye inani leeMboniselo noVukani! eziye zashicilelwa eUnited States linyuke kangange-7,1 ekhulwini. Kanti kwelaseJamani, inani lamaphephancwadi aye aveliswa linyuke kangangama-35 ekhulwini. Amaphephancwadi angaphezu kwesinye esithathwini aveliswe kwelo ngawaseRashiya.
3 Kutheni kufuneka uncwadi oluninzi kangaka? Ehlabathini jikelele, liye lamkelwa ngomoya omhle ikhwelo eliye lahlatywa lokuba sinikele ubungqina naphi na apho kukho abantu. Ekubeni uninzi lwethu lusenza okuthe chatha ekunikeleni ubungqina—kwiindawo zikawonke wonke, ezitratweni nakwimimandla yamashishini—kuhanjiswa intaphane yoncwadi ebantwini abanomdla. Abaninzi kwaba abafane balifumane, ukuba ke phofu bakha balifumana kwaithuba lokuva ngesigidimi soBukumkani. Ukuze sihlangabezane nale ntswelo, amabandla ahlala eneempapasho ezahlukeneyo ezinokusetyenziswa kuzo zonke iinkalo zentsimi.
4 Luyintoni Usukelo Lwethu Xa Sisasaza Uncwadi? Usukelo lwethu asikokuhambisa nje uncwadi. Uthumo lokwenza abafundi lubandakanya iinkalo ezimbini—ukushumayela nokufundisa. Okokuqala sinelungelo lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, senze abantu baqonde ukuba bukuphela kwethemba loluntu. (Mat. 10:7; 24:14) Uncwadi lwethu olusekelwe eBhayibhileni luyindlela ekudala ikho nephumelelayo ekuvuseni umdla nasekudluliseleni ulwazi olungoBukumkani kwabanye.
5 Okwesibini, ukuze senze abafundi, simele sifundise zonke izinto uYesu asiwisele umthetho ngazo. (Mat. 11:1; 28:19, 20) Kananjalo, uncwadi lunendima ebalulekileyo ekubetheleleni inyaniso ezintliziyweni zabantu abafundelwayo, luze lubancede babe ngabafundi.
6 Abo balwamkelayo uncwadi basenokuba ‘ngabaphulaphuli belizwi,’ kodwa abanakufane babe ngabenzi ukuba abanamncedi. (Yak. 1:22-25) Bambalwa abaya kuze babe ngabafundi ngaphandle kokuba kukho umntu wokubabonisa indlela. (IZe. 8:30, 31) Bafuna umfundisi wokubanceda ababonise inyaniso yeZibhalo. (IZe. 17:2, 3) Usukelo lwethu kukubanceda baqhubele phambili de bazahlulele baze babhaptizwe, size sibaqeqeshe bakufanelekele ngokupheleleyo ukufundisa abanye.—2 Tim. 2:2.
7 Bafuneka Ngamandla Abafundisi Abangakumbi: Xa sishumayela, sivakalisa iindaba ezilungileyo ekuhleni. Ukanti ukufundisa kona kubandakanya ukuyalela umntu ngokuqhubekayo. Ngoxa ukushumayela kusenza abanye babe nolwazi ngesigidimi soBukumkani, ukufundisa kunceda abantu bamkele iindaba ezilungileyo baze benze ngokuvisisana nazo. (Luka 8:15) Umfundisi akashumayeli nje kube kuphelele apho; uyacacisa, usebenzisa ingxoxo eyeyisayo, udandalazisa ubungqina aze eyise.
8 Abaninzi kangangoko kunokwenzeka kuthi bafanele ukuba ngabafundisi, kungekhona abashumayeli nje kuphela. (Heb. 5:12a) Ukusasaza uncwadi kuyeyona nxalenye ibalulekileyo yomsebenzi wethu, kodwa ukuphumeza injongo yesibini yobulungiseleli bethu kuxhomekeka koko sikwenzayo njengabafundisi. Nangona sinokuvuya xa sihambise uncwadi, ukuze siphumeze ubulungiseleli bethu ngokuzeleyo, asifanele sikugqale njengosukelo lwethu lokugqibela ukuhambisa uncwadi. (2 Tim. 4:5) Ukuhambisa uncwadi kuyindlela ephumelelayo esivulela ithuba lokufundisa abanye inyaniso.
9 Buyela Ukuze Uqalise Izifundo ZeBhayibhile: Mhlawumbi xa sisonke siye sahambisa iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso namaphephancwadi aliqela, nto leyo esenza sibe noludwe lwamabuyelo. Sifanele sizibekele bucala ngokuthe rhoqo ixesha lokubuyela ukuze sivuselele abo banomdla. Injongo yethu ephambili xa sibuyela asikokuhambisa nje uncwadi olungakumbi kodwa kukukhuthaza abantu bafunde baze bangenelwe koko sele benako. Ngesasenze inkqubela engakanani thina ukuba kwakungazange kubekho mntu ubuyela kuthi izihlandlo ezininzi ukuze asincede sizuze ulwazi oluchanileyo?—Yoh. 17:3.
10 Buyela kubo bonke abanomdla ngelinge lokuqalisa isifundo seBhayibhile enoba kungencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? okanye ngencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ezi mpapasho zimbini zinikela isigidimi soBukumkani ngendlela ekulula ukuyiqonda. Incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ilungiselelwe ukufundisisa, yaye igubungela iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Incwadi ethi Ulwazi yona ivulela ubani ithuba lokufundisa inyaniso ngokweenkcukacha, kodwa sekunjalo ilula, icacile yaye ayintyuntyi.
11 Indlela elula yokufundisa, njengoko yachazwa kwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1996, yenza kube lula ngomfundisi ukufundisa kuze kube lula nangomfundi ukufunda. Gcina umbhalo weso sihlomelo ukufutshane ukuze wenze impinda ngeendlela nobuchule bokufundisa obuye bangqineka buphumelela. Amanye amacebiso esiwanikelayo aquka indlela yokuba nomdla ongazenzisiyo kumfundi, umbandela ofanele ugutyungelwe kwisifundo ngasinye, indlela yokusingatha imibuzo engenanto yakwenza nombandela oxutyushwayo, indlela umfundisi nomfundi abanokusilungiselela kwangaphambili ngayo isifundo nendlela yokwalathisela umfundi kwintlangano kaYehova. Ngokwenza ngokuvisisana nala macebiso, abangakumbi kuthi, kuquka abasebatsha, baya kutsho baqhube izifundo ezinenkqubela.
12 Iingxelo Ezingempumelelo Yasentsimini: Incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kunye nencwadi ethi Ulwazi ziye zangqineka ziluncedo oluxabisekileyo ekwenzeni abafundi. Ekufumaneni kwakhe incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, omnye umzalwana waseBolivia wayisebenzisa ngoko nangoko ekuqaliseni isifundo nenye indoda. Kwiinyanga ezine kamva kwindibano yesithili, lo mfundi wayephakathi kwabantu abonwabileyo ababeza kubhaptizwa apho!
13 Emva kokufundisisa incwadi ethi Ulwazi abaninzi bakhuthazelwa ukwahlulela ubomi babo kuYehova. Kwelinye ibandla eAngola, inani lezifundo zeBhayibhile eziqhutywa ngabavakalisi liye lantinga ukusuka kwi-190 ukusa kuma-260 yaye inani labeza kwiintlanganiso liye laphindaphindeka lisuka kwi-180 laya kutsho kuma-360 kwiinyanga nje ezine emva kokuba kuqaliswe ukusetyenziswa incwadi ethi Ulwazi kwelo. Kungekudala emva koko, kwaye kwafuneka kuyilwe elinye ibandla.
14 Emva kokuqalisa isifundo sakhe sokuqala kwincwadi ethi Ulwazi, omnye umzalwana wathi ukusiqhuba kuba “lula xa umqhubi ebuza nje imibuzo, efunda izibhalo ezithile ezisebenzisekayo nokuqiniseka ukuba umfundi uyawuqonda umbandela.” Nangona ebekade ecinga ukuba ngabavakalisi abafanelekayo nje kuphela abanokuqhuba izifundo zeBhayibhile ezinenkqubela nokuba yena akanakuze akwazi ukwenjenjalo, uye wayiqonda ngoku into yokuba unako, kuba uthi: “Ukuba ndinako, wonk’ ubani unako.”
15 Kungokuqhuba izifundo zeBhayibhile njengenxalenye yobulungiseleli bethu esithi siphumeze injongo yokwenza abafundi. Abo baye bavelisa isakhono ngokuba nesabelo kule nkalo yobulungiseleli bakufumanisa kusanelisa yaye kunomvuzo ngokwenene. Kwanga nangathi kungathethwa la mazwi athi “eshumayela . . . ubukumkani bukaThixo yaye efundisa ngezinto eziphathelele iNkosi uYesu Kristu ngeyona nkululeko yokuthetha inkulu.”—IZe. 28:31.