Isikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Sowe-1998
Ukufundiswa kuthetha “ukuhlohlwa okanye ukufumana uqeqesho kulwazi okanye kubugcisa obuthile.” KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, sisoloko siqeqeshelwa ukufumana ulwazi ngoThixo. Kwakhona, ukuba nesabelo kwesi sikolo kusenza sikhulise ubugcisa bethu bokuthetha nokufundisa. Ucwangciso lwesikolo lowe-1998 luya kusivulel’ amathuba amaninzi okwenza inkqubela yokomoya ngokubhekele phaya.
Njengoko uhlolisisa ucwangciso lwesikolo lonyaka ozayo, uya kuphawula ukuba ngamathub’ athile iNtetho Yesi-3 iya kusekelwa kwiMixholo YeBhayibhile Yengxubusho. Kwakhona, kolu cwangciso lowe-1998 kuye kongezelelwa nencwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho, yaye iya kugutyungelwa kwiNtetho Yesi-3 neYesi-4 ngokuqhubekayo. Nanini na iNtetho Yesi-4 isekelwe kwincwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho, ifanele inikelwe ngumzalwana njengentetho ejoliswe ebandleni. Yaye khumbulani ukuba, akukho mntu unenxaxheba esikolweni ufanele adle ixesha.
Inkalo Entsha: Ngenjongo yokunceda thina, kwizibiyeli ezisemva kwengoma yeveki nganye kukho “Ucwangciso Olongezelelekileyo Lokufundwa KweBhayibhile.” Nangona kungekho zinxalenye zocwangciso lwesikolo lweeveki ngeeveki eziya kusekelwa kulo, zenzele usukelo lokuhambisana nalo. Oku kuya kukwenza uziqhelise ukufunda iBhayibhile mihla le ukuba akukenjinjalo.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngeentetho, iziluleko nangeempinda ezibhalwayo, nceda ufunde ngenyameko imiyalelo eku-“Cwangciso LweSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Lowe-1998,” kunye nephepha 5 loBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1996.
Ukuba akukabhalisi kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, siyakumema ukuba wenjenjalo ngoku. Esi sikolo sikhethekileyo sisaqhubeka siphumeza indima ebalulekileyo ekuqeqesheni abakhonzi bakaYehova abathobekileyo nabazinikeleyo ukuba babe ngabalungiseleli abafaneleke ngakumbi.—1 Tim. 4:13-16.