Sebenzisa Iincwadana Ezinemifanekiso Ukuze Ufikelele Ingqondo Nentliziyo
1 Inyaniso yeBhayibhile ifanele idluliselwe ukuze ifikelele ingqondo nentliziyo. Xa uYesu wayecacisa inyaniso kwabo babemphulaphule, wakhetha ukuxubusha nabo ngezinto ababenomdla kuzo nezazibakhuthaza. (Luka 24:17, 27, 32, 45) Ukuphumelela kwethu kubulungiseleli bethu kuxhomekeke ubukhulu becala kumgudu esiwenzayo ekucaciseni izinto zokomoya kwabo basiphulaphuleyo.
2 Iincwadana ezinemifanekiso zinokuba zizixhobo eziluncedo ekufikeleleni iingqondo neentliziyo zabo sidibana nabo kubulungiseleli. Cinga kusengaphambili ngabo basenokusiphulaphula isigidimi esikwincwadana enemifanekiso nganye kweziza kuhanjiswa ngoAgasti:
—Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele? Abantu abakwimeko enzima ngokwezoqoqosho okanye abaye behlelwa ziintlekele baya kusixabisa gqitha esi sigidimi sithuthuzelayo siphathelele ikamva elingenakubandezeleka.
—Iyintoni Injongo Yobomi—Unokuyifumana Njani? Ulutsha olucinga nzulu ngekamva lalo luya kungenelwa kwiimpendulo ezisekelwe eBhayibhileni ezikule ncwadana inemifanekiso.
—Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! Imifanekiso yayo emininzi nezibhalo ezichatshulweyo ziya kunceda abantwana abancinane nabo bangakwazi ukufunda kakuhle baqonde iinjongo zikaThixo.
—Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi. Nabani na onento yokwenza norhulumente usenokusiphulaphula esi sigidimi siphathelele indlela uBukumkani bukaThixo obuya kuzicombulula ngayo izintsompothi zeengxaki zabantu.
—Xa Umntu Omthandayo Esifa. Abangcwabi abaninzi baya kuxabisa ukuba nemibhalo yale ncwadana inemifanekiso ukuze banike iintsapho ezifelweyo. Abavakalisi abanikela ubungqina emangcwabeni basebenzisa le ncwadana inemifanekiso ukuze bathuthuzele abo basentlungwini. Oodade ababini badibana nentsapho enabantu abasixhenxe ithandaza engcwabeni. Ngenxa yokwabelana nabo ngesigidimi esithuthuzelayo esikule ncwadana inemifanekiso, kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nomama waloo ntsapho ngosuku olulandelayo!
—Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? Umntu oluthanda gqitha unqulo unokungenelwa kwinyaniso efumaneka kule ncwadana inemifanekiso inobungqina obucacileyo nebhenca iimfundiso ezisisiseko zeNgqobhoko.
3 Ziqhelanise nencwadana enemifanekiso nganye uze ukhangele ukuba unokuyisebenzisa njani kwintsimi yakho. Ukuze ufumane iintshumayelo ezicetyisiweyo, khangela ngasemva kwinkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJulayi 1998. Ngamana uYehova angayisikelela imigudu yakho yokufikelela iingqondo neentliziyo zabantu.—Marko 6:34.