IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/98 iphe. 11
  • Abaveleli Abakhokelayo—Unobhala

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abaveleli Abakhokelayo—Unobhala
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Amanqaku Afanayo
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Abashumayeli Beendaba Ezilungileyo
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Abadala Abalusa Umhlambi
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
km 10/98 iphe. 11

Abaveleli Abakhokelayo—Unobhala

1 Unobhala webandla unendima ebalulekileyo ekuqinisekiseni ukuba ‘zonke izinto zenzeka ngokundilisekileyo nangokwelungiselelo.’ (1 Kor. 14:40) Njengelungu leKomiti Yenkonzo Yebandla, unyamekela unxibelelwano lwebandla neengxelo ezibalulekileyo. Nangona imisebenzi yakhe ingenakubonakala kuye wonke ubani njengeyabanye abadala, iinkonzo zakhe zifuneka kakhulu yaye zixabisekile.

2 Xa kufike imbalelwano evela kuMbutho okanye kwabanye, unobhala uyayinyamekela aze aqinisekise ukuba kuyaphendulwa xa kuyimfuneko. Uyaqinisekisa ukuba iileta ezifikayo zifunyanwa ngabo bonke abadala zize zifayilishwe ukuze kubhekiselwe kuzo. Uhlola amaphephancwadi uncwadi neefomu zokuodola uncwadi aze azithumele kuMbutho. Ubavelela ngokungqalileyo abo banyamekela imirhumo nemali nemibandela enokuthanani nendibano.

3 Ekubeni unobhala efanele athumele ingxelo yebandla yenyanga yenkonzo yasentsimini kuMbutho ngomhla wesithandathu walo nyanga, kufuneka xa sisonke sifake ingxelo yethu yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza ekupheleni kwenyanga nganye. Emva koko uyayiposa ingxelo yenkonzo ngeqweqwe leNgxelo Yomvakalisi Webandla. Nawuphi na umvakalisi unokucela ukubona ingxelo yobuqu yomsebenzi wakhe.

4 Xa umvakalisi efika okanye efuduka ebandleni, unobhala unokucela okanye athumele kubadala belinye ibandla ileta yokumazisa kwakunye neqweqwe leNgxelo Yomvakalisi Webandla lakhe.—UBulungiseleli Bethu, iphe. 104-5.

5 Unobhala uhlolisisa umsebenzi woovulindlela, aze azise abadala ngokukodwa umveleli wenkonzo ngazo naziphi na iingxaki ezinokuthi zivele. Wazisa Abaqhubi beZifundo Zencwadi Zebandla ngabavakalisi abaxhiphulisayo entsimini. Bobabini unobhala nomveleli wenkonzo bayakhokela kwimigudu eyenziwayo yokunyamekela abapholileyo.—UBulungiseleli Bethu BoBukumkani, bukaNovemba 1987, iphe. 1.

6 Ekubeni sinoxabiso olungakumbi ngemisebenzi kanobhala, ngamana singenza unako-nako ukumnceda kube lula ukuphumeza ubugosa bakhe.—1 Kor. 4:2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share