Izicaka Zolungiselelo Zinikela Inkonzo Exabisekileyo
1 “Aye azibonakalisa engamadoda azahlulele ngokwenyaniso anokholo aye alubonakalisa kwinkonzo yoBukumkani enenzondelelo nasekuncedeni abanye ukuba bomelele elukholweni.” Incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, kwiphepha 57, ithetha ngolo hlobo ngezicaka zolungiselelo. Enyanisweni, umzekelo wokomoya omiselwa zizicaka zolungiselelo zethu ufanele uxeliswe. Ukusebenzisana nazo kunye nabadala ‘kwenza ukuba umzimba ukhule ukuze wakheke eluthandweni.’—Efe. 4:16.
2 Izicaka zolungiselelo zenza umsebenzi obalulekileyo ebandleni. Cinga ngazo zonke iinkonzo zazo ezixabisekileyo! Zinyamekela imali, uncwadi, amaphephancwadi, imirhumo, nemihlaba yentsimi; zikhonza njengabalindi, zinyamekela isandisi-lizwi, yaye zinceda ekugcineni iHolo yoBukumkani ifanelekile. Ziba nenxaxheba kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nakwiNtlanganiso Yenkonzo. Zimbi zazo zisenokude zinikele iintetho zesidlangalala okanye ziqhube ezinye zeentlanganiso zebandla. Njengamalungu omzimba wenyama, izicaka zolungiselelo ziphumeza iinkonzo esizifunayo.—1 Kor. 12:12-26.
3 Ukubona izicaka zolungiselelo zisebenzisana ngokumanyeneyo nabadala zinentlonelo nokuqonda njengenxalenye yequmrhu elinye labakhonzi kukhuthaza abanye ukuba benze okufanayo. (Kol. 2:19) Ngokuziphumeza ngokuthembeka iimbopheleleko zazo iiveki ngeeveki nangokubonisa umdla wobuqu kwabanye, ziba negalelo kwibandla elinenkqubela ngokomoya.
4 Yintoni esinokuyenza ukuze sibonise uxabiso esinalo ngezicaka zolungiselelo ezizibhokoxayo? Kufuneka siqhelane nemisebenzi eziyenzayo size sikulungele ukusebenzisana nazo apho kufuneka uncedo lwethu. Ngelizwi okanye ngesenzo, sinokuzenza zazi ukuba umsebenzi wazo uyaxatyiswa. (IMize. 15:23) Abo bazibhokoxayo ngenxa yethu bafanelwe yintlonelo yethu enyanisekileyo.—1 Tes. 5:12, 13.
5 ILizwi likaThixo limisela indima neemfaneleko zezicaka zolungiselelo. (1 Tim. 3:8-10, 12, 13) Inkonzo yazo engcwele nexabisekileyo iyimfuneko ekusebenzeni kwebandla. Amadoda anjalo afanelwe lukhuthazo lwethu oluqhubekayo, njengokuba onke ‘enokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’—1 Kor. 15:58.