Ceba Kusengaphambili!
1 Intlangano kaYehova yenze ucwangciso olusisigxina lwezinto zobuthixo ezilungiselelwe ukwanelisa zonke iintswelo zethu zokomoya. Uxabiso lusishukumisela ukuba sixhakamfule yonke into esiyilungiselelweyo, njengotyelelo lomveleli wesiphaluka, iindibano ezincinane nezinkulu, nezinye izinto ezikhethekileyo ezicetywa ekuhlaleni. (Mat. 5:3) Noko ke, bambi bayaphoswa ngamalungiselelo okomoya amaninzi ngenxa yokuzixakekisa ngezinye izinto. Yintoni enokwenziwa ukuze kuthintelwe oku? Sinokuqinisekisa njani ukuba imisebenzi engeyoyabuthixo ayiphazamisani ‘nezinto ezibaluleke ngakumbi’?—Fil. 1:10.
2 Ukuceba Ngobulumko Kubalulekile: IMizekeliso 21:5 iyaluleka: “Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa; konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.” Ukuze sifumane ‘ungeniselo’ lokomoya, kufuneka sicebe kwangaphambili, sicinge ngezinto zobuthixo ezicwangcisiweyo. Izinto zobuqu zifanele zicwangciselwe ixesha elingayi kuphazamisana nokuzenza sifumanekele umsebenzi wokuvuna iintsikelelo zokomoya. Ukuba sithi ngokungxama sicebe ukwenza izinto thina esifuna ukuzenza, ngaphandle kokucinga ngeziganeko zobuthixo ezizayo, kusenokwenza ukuba siya ‘kuswela’ ngokomoya.
3 Ungaphoswa! Sonke siyayiceba into esiza kuyenza kwixesha elizayo, kuquka ikhefu, uhambo lwemicimbi yezoshishino, ukutyelela izalamane njalo njalo. Ngaphambi kokuba uzibophelele okanye uqinisekise loo nto ubuyiceba, hlola ucwangciso lwezinto zokomoya ezizayo. Ukuba ufumanisa ukuba kuza umveleli wesiphaluka okanye kuza kubakho indibano ngexesha oza kube ungekho ngalo, yenza umgudu ongamandla wokucwangcisa izinto zakho ngokutsha ukuze ubekho. Saziswa kuselithuba ngeziganeko ezikhulu ezicwangiselwe ixesha elizayo. Abadala bebandla lakho banokukuxelela oko kuye kwacetywa ekuhlaleni.
4 Ngokuhlaba ukhangele nokuzicebela kwangaphambili iimeko ezibaluleke ngakumbi, siya ‘kuzaliswa sisiqhamo sobulungisa, kuse kuzuko nendumiso kuye uThixo.’—Fil. 1:11.