Isingxobo Semibuzo
◼ Ziziphi iimpapasho esifanele sizifundisise nabantu abasebatsha ngaphambi kokuba babhaptizwe?
Ngaphambi kokuba umntu azahlulele kuYehova aze abhaptizwe, ufanele angenise ulwazi oluchanileyo. (Yohane 17:3) Uya kufumana inkcazelo ayifunayo ngokufunda incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? nencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kwiimeko ezininzi incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo iya kufundisiswa kuqala. Noko ke, ukuba isifundo sasiqaliswe kwincwadi ethi Ulwazi, incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ifanele ifundwe emva kokuba incwadi igqityiwe. Kutheni oko kuyimfuneko nje?
Incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo inenkcazelo emfutshane yeemfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Ukuba ifundisiswe kuqala, iya kunika umfundi isiseko sokuqonda izinto ezifunekayo ukuze kukholiswe uYehova. Ukuba ifundwe ekugqibeleni, iya kusebenza njengempinda yoko kwakugutyungelwe kwincwadi ethi Ulwazi. Enoba kufundisiswa yiphi na incwadi, khuthaza umfundi ukuba ahlole izibhalo ezixhasa iingongoma aze acamngce ngazo. Qinisekisa ukuba uyayibalaselisa imifanekiso, njengokuba iluncedo lokufundisisa olusemagqabini.—Bona IMboniselo kaJanuwari 15, 1997, iphepha 16-17.
Akuba umfundi weBhayibhile egqibile ukuzifundisisa zombini ezi mpapasho, usenokukwazi ukuphendula yonke imibuzo abaza kuyihlola naye abadala xa elungiselela ukubhaptizwa. Ukuba kunjalo, kusenokungabi yomfuneko ukuqhuba isifundo esilungelelanisiweyo kunye naye kuyo nayiphi na enye impapasho, nangona lowo ebemqhubela efanele aqhubeke enomdla kwinkqubela yakhe.—Bona IMboniselo kaJanuwari 15, 1996, iphepha 14, 17.