Isingxobo Semibuzo
◼ Yimbopheleleko kabani ukucoca iHolo yoBukumkani?
IHolo yoBukumkani ecocekileyo nenomtsalane isimela kakuhle isigidimi esisishumayelayo. (Thelekisa eyoku-1 kaPetros 2:12.) Ukugcina iholo icocekile kwaye intle kubalulekile, yaye wonke ubani anganesabelo ekuyinyamekeleni. Asifanele silindele ukuba ibe liqaqobana labantu elithwala wonke lo mthwalo. Ngokuqhelekileyo, ukucoca kulungelelaniswa ngokwamaqela eSifundo Sencwadi Sebandla, aze umqhubi wesifundo okanye umncedi wakhe akhokele. Kwiiholo ekuhlanganisana kuzo ibandla elingaphezu kwelinye, abadala baya kuzilungelelanisa izinto ukuze onke amabandla abe nesabelo ekuyinyamekeleni.
Sinokuyinyamekela njani ngokusemagqabini le mbopheleleko? IHolo yoBukumkani ifanele icocwe ngokocwangciso oluthe rhoqo. Kufanele kubekho izinto nezixhobo eziza kusetyenziselwa ukucoca. Uludwe lwezinto ekufuneka zenziwe lufanele lubekwe kwindawo abanokulufumana kuyo abasebenzi xa befuna ulwalathiso. Kunokubakho amaphepha oludwe amabini awahlukeneyo, elinye ibe lelokucoca nje okuqhelekileyo kwasemva kwentlanganiso ze elinye ibe lelokucokisa veki nganye. Umqhubi wesifundo sencwadi ufanele ukucoca okucokisekileyo akucwangcisele umhla nexesha eliya kulungela bonke ababelweyo. Kufanele kunikelwe ingqalelo rhoqo kwingca, kwiintyatyambo nakwimithana ekhoyo. Iindledlana zeenyawo neendawo zokumisa iinqwelo-mafutha zifanele zingabi nankunkuma. Nyaka ngamnye kufanele kucocwe ngokucokisekileyo, mhlawumbi ngaphambi nje kokuba kuqhutywe iSikhumbuzo. Oku kunokuquka iifestile nokuhlanjwa kweendonga, ukuhlamba ikhaphethi nokucocwa kweekhethini.
Kakade ke, sonke sinokuwenza lula umthwalo ngokungalahli itshungama phantsi okanye inkunkuma ngaphakathi nangaphandle kweholo. Sinokuyicoca indlu yangasese sihlandlo ngasinye xa sigqiba ukuyisibenzisa, simshiyele icocekile umntu olandelayo. Kulumkele ukwaphula izixhobo okanye ukonakalisa impahla yangaphakathi. Waphawule amabala asekhaphethini, izitulo ezonakeleyo, iingxaki zemibhobho yamanzi, ibhalbhu ezonakeleyo, nokunye, yaye zixele ngokukhawuleza ezi zinto kumzalwana olungisa iHolo yoBukumkani.
Sonke masikulungele ukwenza indima yethu. Oku kwenzelwa indlu yokunqula yaye kuyasahlula njengabantu abacocekileyo aboyika uYehova uThixo.—1 Pet. 1:16.