“Amabhinqa Asebenza Nzima ENkosini”
1 Ngala mazwi angasentla, uPawulos wayechaza uTrifena noTrifosa, oodade ababini ababesebenza nzima kwibandla laseRoma. Wathi ngomnye, ogama linguPersi: “Wabulaleka kaninzi eNkosini.” Kwakhona wathetha kakuhle ngoFibhi ‘njengomthetheli wabaninzi.’ (Roma 16:2, 12) KwiZibhalo, uDorkas uthiwa qampu ‘njengowayephuphuma zizenzo ezilungileyo nezipho zenceba.’ (IZe. 9:36) Enjani intsikelelo ayiyo loo mabhinqa ebandleni!
2 Ngaba siyabaxabisa oodade abasebenza nzima ebandleni lethu? Benza inxalenye enkulu yomsebenzi wokushumayela, baqhuba izifundo zeBhayibhile ezininzi, yaye banceda uninzi lwabasebatsha. Bakwachitha ixesha elithile benceda abantwana ukuze benze inkqubela ngokomoya. Amabhinqa angamaKristu enza indima yawo ekwakheni umoya wothando, uvuyo, uxolo nenzondelelo ebandleni. Axhasa ngeendlela ezininzi ukuze abayeni namanye amalungu entsapho akwazi ukwenza okungakumbi enkonzweni kaYehova.
3 Oodade Abakwinkonzo Yexesha Elizeleyo: Phakathi kwabo basebenza nzima eNkosini ngoodade abangabavangeli basemazweni, abaninzi baye banesabelo ekuhambiseleni phambili umsebenzi kumazwe asemzini. Kumabandla akhonzwa ngabayeni babo, abafazi babaveleli abahambahambayo baxakekile kubulungiseleli, bakhuthaza oodade abaninzi. Oodade baseBheteli nabo abamele kulityalwa, abenza inkonzo engcwele bexhasa intlangano kaYehova. Noodade bethu abangoovulindlela abathe ngxi, ngemigudu yabo yokuthembeka yokudumisa uThixo, banceda amawaka ukuba afunde inyaniso.
4 La mabhinqa athembekileyo afumana ulwaneliseko olukhulu kubomi bawo bokuzincama. (1 Tim. 6:6, 8) Akufanele ukunconywa nayo nayiphi na inkxaso nokhuthazo esinokubanika lona.
5 Amabhinqa angamaKristu axabisekile entlanganweni kaYehova, enza inkonzo ebalulekileyo eyintsikelelo kubo bonke. Ngamana singaqhubeka siwaxabisa amabhinqa anjalo size sithandazele ukuba intsikelelo kaYehova ibe nawo njengokuba eqhubeka ‘esebenza nzima eNkosini.’