IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/00 iphe. 3-4
  • UAprili—Ixesha Lokuba Nenzondelelo Ngemisebenzi Emihle!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UAprili—Ixesha Lokuba Nenzondelelo Ngemisebenzi Emihle!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sinokwenza UAprili Wama-2000 Abe Yeyona Nyanga Isemagqabini Kuthi?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Yenza Okulungileyo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Ngaba UAprili Uza Kuba Yinyanga Ekhethekileyo Kuwe?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
km 4/00 iphe. 3-4

UAprili—Ixesha Lokuba Nenzondelelo Ngemisebenzi Emihle!

1 Njengokuba inkanyamba isondela kummandla ohlala abantu, imfuneko yokulumkisa abantu ngengozi esondelayo iya ingxamiseka. Okukhona iya isondela inkanyamba, kokukhona zifanele ziqinise izilumkiso. Ngoba? Ngenxa yokuba ubomi busemngciphekweni! Kusenokwenzeka ukuba abanye abantu abakhange bazive izilumkiso zangaphambili. Abanye kusenokwenzeka ukuba babesivile kodwa abasinanza. Oku kunjalo nangezilumkiso zobuthixo esithunywe ukuba sizivakalise ngaphambi “komoya osisaqhwithi” womsindo kaThixo wobulungisa oya kutshayela yonke imizila yeli hlabathi lingendawo. (IMize. 10:25) Ubomi obungunaphakade bezigidi ngezigidi zabantu busemngciphekweni! Isilumkiso simele sivakaliswe. Simele ‘sizondelele imisebenzi emihle.’—Tito 2:11-14.

2 Kangangamashumi eminyaka, abantu bakaYehova bebesoloko bekhuthazwa ukuba ixesha leSikhumbuzo balenze ixesha lenzondelelo ekhethekileyo kubulungiseleli. Ngowe-1939, i-“Informant,” umanduleli woBulungiseleli Bethu BoBukumkani, yanikela olu khuthazo: “Ekubeni intwasahlobo isondele, nemozulu entle, sifanele silindele ukuba iiyure zabavakalisi [bebandla] ziphindaphindeke entsimini, nexesha loovulindlela lande ngokuphawulekayo. UAprili yinyanga eneeCawa ezintlanu. Kwakhona uneMigqibelo emihlanu. Ebudeni buka-Aprili yenza uMgqibelo neCawa nganye . . . zibe lixesha lokunikela ubungqina obukhethekileyo.” Elo yayilusukelo olulucelomngeni olwalubekelwe abazalwana kwiminyaka engama-60 eyadlulayo! Kulo nyaka, kanye njengokuba kwakunjalo ngowe-1939, inyanga ka-Aprili iineempela-veki ezintlanu ezizeleyo. Uceba ntoni kule nyanga? Ziintoni oziphawulileyo kwikhalenda ka-Aprili yowama-2000? Ceba ukuba nesabelo esiphawulekayo kwimisebenzi emihle nabanye abantu bakaYehova ebudeni bale nyanga ikhethekileyo yomsebenzi ongokomoya owandisiweyo.

3 Yintoni Esinethemba Lokuyifeza: Olona suku lubalulekileyo lomnyaka wama-2000 lukule nyanga. Umhla ka-Aprili 19, sisikhumbuzo sokufa kukaYesu. Masenze umgudu okhethekileyo wokumema abona bantu baninzi kangangoko kunokwenzeka beze eSikhumbuzweni. Njengokuba kwakucetyisiwe kwinyanga ephelileyo, yenza uludwe lwabo bonke abantu abanokubakho eSikhumbuzweni uze uqiniseke ukuba akakho olityalwayo. Abo bamenywayo bafanele baquke abavakalisi abapholileyo, izifundo zeBhayibhile, amabuyelo, abo besibafundela, abo usebenza nabo, abantwana ofunda nabo esikolweni, abamelwane, izalamane nabanye oqhelene nabo. Ngaba abo bafuna ukuza banayo into yokuhamba? Ukuba akunjalo, ngaba unokubanceda? Ngobusuku beSikhumbuzo, sonke siya kuba nelungelo lokubenza bazive bamkelekile abo bezileyo. Emva kweSikhumbuzo, sinokubuyela ukuze sinikele uncedo olongezelelekileyo olungokomoya kubantu abanomdla.

4 ‘Ukuzondelela imisebenzi emihle’ kwiintsuku ezingaphambi nasemva kweSikhumbuzo yindlela entle yokubonisa uYehova ukuba sikuxabisa ngokwenene konke oko asenzele kona. Uninzi lwethu luya kukwazi ukwandisa imigudu yethu kumsebenzi wobuvangeli. Ukuba unguvulindlela ongumncedani, uya kufuna ukwenza unako nako ukuze uchithe iiyure ezingama-50 okanye ngaphezulu kubulungiseleli. (Mat. 5:37) Namathela kucwangciso obulenze ekuqaleni kwenyanga. (INtshu. 3:1; 1 Kor. 14:40) Ngamana sonke singenza oko sinokukwenza ukuze sixhase bonke oovulindlela, ngokubakhuthaza nangokusebenza nabo entsimini. (Thelekisa eyesi-2 yooKumkani 10:15, 16.) Ukuba sityala ngenzondelelo ebudeni buka-Aprili, sinokulindela uvuyo olukhulu nentsikelelo evela kuYehova. (Mal. 3:10) Mhlawumbi oku kuya kuba ngumchankcatho wobuvulindlela bobuncedani obuqhubekayo okanye obuthe ngxi. Ngamana impembelelo engokomoya esiyifumene ngo-Aprili ingedlulela kwiinyanga ezilandelayo njengokuba siqhubeka singabavakalisi boBukumkani abangaxhiphulisiyo.

5 Ngokungathandabuzekiyo, kule nyanga amawaka abantu bakaYehova baya kuqalisa izifundo zeBhayibhile ezingakumbi. Ngaba ubungathanda ukuqalisa ukuqhuba isifundo? Thandazela isifundo ngokungqalileyo, uze usebenze ngokuvisisana nemithandazo yakho. Unokuqiniseka ukuba uYehova uya kuzixabisa izicelo zakho ezithobekileyo zoncedo lokufumana umntu onentliziyo enyanisekileyo ukuze umfundise.—1 Yohane 3:22.

6 Nantsi intshayelelo evavanyiweyo esetyenziswe ngokunempumelelo ukuqalisa iincoko. Uqala ngokubuza oku: “Ucinga ukuba lonke ugonyamelo olukwizikolo zikawonke-wonke lungunozala womsebenzi weedemon, okanye lubangelwa kukungaqeqeshi kwabazali?” Vumela impendulo. Ukuba loo mntu uthi “ngumsebenzi weedemon,” funda ISityhilelo 12:9, 12, uze ubalaselise indima kaMtyholi yokukhuthaza isiphithiphithi esisehlabathini. Yandula ke uvule incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 4, uze ubuze enoba loo mntu wakhe wazibuza na ngemvelaphi kaMtyholi. Qhubeka nokufunda uze uxubushe iziqendu ezibini zokuqala. Ukuba loo mntu uthi unobangela wogonyamelo ezikolweni ‘kukungaqeqeshi kwabazali’, funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-3 uze ubonise imikhwa eye yanegalelo kule ngxaki. Yandula ke utyhile incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 8, uze ufunde isiqendu 5, uze uqhubeke nengxubusho. Ukuba unokukwazi ukwenza isithembiso sokubuyela, usenokuba ulungisa indlela yokuba nesifundo seBhayibhile esithe rhoqo naloo mntu. Kutyelelo olulandelayo, mbuze enoba akukho mntu wumbi amaziyo onokuba nomdla wokuphulaphula oko akufundayo kusini na.

7 Enye indlela ‘yokuzondelela imisebenzi emihle’ ebudeni buka-Aprili kukuba nesabelo kwiinkalo ezahlukeneyo zokushumayela. Ngaba ukhe wacinga ngokunikela ubungqina epakini okanye kwindawo yokumisa iinqwelo-mafutha? Kuthekani ngesikhululo sebhasi okanye sikaloliwe? Okanye ngaba ubungathanda ukulinga ukunikela ubungqina ngomnxeba, esitratweni, okanye kummandla wamashishini? Kutheni ungakhe ukwenze ngokoqobo oko kule nyanga? UYehova uya kukunceda uqwebe inkalipho efunekayo. (IZe. 4:31; 1 Tes. 2:2b) Mhlawumbi ungenza idinga lokusebenza nomvakalisi okanye uvulindlela onamava kwezi nkalo zobulungiseleli.

8 Nabani na onqwenela ukwandisa isabelo sakhe kumsebenzi wokunikela ubungqina uya kufuna ukuba nenxaxheba ekunikeleni ubungqina obungacwangciswanga. Kudla ngokufuneka ukuba umbandakanye umntu onomdla kwincoko enobuhlobo. Thetha ngombandela oqhelekileyo, mhlawumbi usebenzise intshayelelo ebalaseliswe kwisiqendu 6. Zama ukulisebenzisa kakuhle kwanexesha elincinane ngokuqhelekileyo elichithwa nje kungenziwa nto. Asizilahli iisenti kuba zingeyiyo irandi epheleleyo. Kutheni ungayisebenzisi ngokuyingenelo kwanemizuzu emihlanu, imizuzu elishumi, okanye isiqingatha seyure unikele ubungqina obungacwangciswanga?

9 Ixesha Lokuzihlolisisa: Cinga ngeengongoma ezinamandla ezabalaseliswa kumdlalo weNdibano yeSithili ‘Yelizwi LikaThixo Lesiprofeto’ kunyaka ophelileyo. Umdlalo, owawunomxholo othi Ukuxabisa Ilifa Lethu Lokomoya, wasenza sacinga nzulu ngomahluko owawukho phakathi kukaYakobi noEsawu. NjengoYakobi, uEsawu wathi wayenomdla kwizinto zokomoya, kodwa imisebenzi kaEsawu yayingakuxhasi oko. (Gen. 25:29-34) Esinjani ukuba namandla isilumkiso kuthi! NjengoYakobi, masikulungele ukuxhathisa ngamandla ethu onke, ukuze sizuze intsikelelo kaYehova. (Gen. 32:24-29) Kutheni singasebenzisi u-Aprili nazo zonke iinyanga eziseleyo ukuze sihlaziye inzondelelo yethu, singaze silithabathe lula ilifa lethu elimangalisayo lokomoya?

10 “Imini enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.” (Zef. 1:14) Iindaba ezilungileyo zoBukumkani mazivakaliswe. Ubomi busemngciphekweni! Ngamana le nyanga ingangqineka iyintsikelelo ekhethekileyo kubo bonke abantu bakaYehova njengokuba ngokumanyeneyo sibonisa ukuba ‘sizondelela imisebenzi emihle.’

[Ibhokisi ekwiphepha 4]

Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo

ISikhumbuzo salo nyaka singoLwesithathu, Aprili 19. Abadala bafanele banikele ingqalelo kule mibandela ilandelayo:

◼ Xa nibeka ixesha lale ntlanganiso, qinisekani ukuba imifuziselo ayiyi kuhanjiswa de kube semva kokutshona kwelanga.

◼ Wonk’ ubani, kuquka isithethi, ufanele aziswe ngexesha nendawo echanileyo esiza kuba kuyo isikhumbuzo.

◼ Kufanele kufunwe isonka newayini efanelekileyo zize zilungiswe.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 17.

◼ Kufanele kuziwe eholweni neepleyiti, iigilasi netafile efanelekileyo nelaphu layo kwangethuba zize zibekwe ngeendawo zazo.

◼ IHolo YoBukumkani okanye enye indawo yentlanganiso ifanele icocwe kakuhle kwangaphambi kwexesha.

◼ Kufanele kukhethwe abalindi nabo baza kuhambisa isonka newayini kwangethuba baze bayalelwe ngenkqubo efanelekileyo nangemisebenzi yabo.

◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa isonka newayini kuye nabani na ongumthanjiswa ogulayo nongenakukwazi ukubakho.

◼ Xa amabandla aliqela eza kusebenzisa iHolo yoBukumkani enye, afanele alungelelaniswe kakuhle ukuze kuphetshwe ukuxinana okungeyomfuneko phambi kweholo, emnyango, kwiindledlana zikawonke-wonke nakwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share