IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp20 No. 1 iphe. 12-13
  • Eyona Nyani NgoBukumkani BukaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Eyona Nyani NgoBukumkani BukaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Kwafundiswa NguYesu NgoBukumkani BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • NgoBukumkani BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ubukumkani BukaThixo Buyalawula
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
wp20 No. 1 iphe. 12-13
Umhlaba uvele ngaselangeni

Eyona Nyani NgoBukumkani BukaThixo

UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Buyintoni uBukumkani BukaThixo? Benza ntoni? Kutheni sifanele sibuthandazele?

UYesu nguMlawuli woBukumkani BukaThixo.

Luka 1:31-33: “Umbize ngokuba nguYesu igama lakhe. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.”

Eyona nto uYesu wayeshumayela ngayo buBukumkani BukaThixo.

Mateyu 9:35: “Kwaye uYesu wanduluka wakhenketha zonke izixeko needolophana, efundisa kwizindlu zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani yaye ephilisa lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.”

UYesu waxelela abafundi bakhe into eyayiza kubanceda babone ukuba uBukumkani busondele.

Mateyu 24:7: “Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani, yaye kuya kubakho ukunqongophala kokutya neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.”

Namhlanje, abafundi bakaYesu bashumayela emhlabeni wonke ngoBukumkani.

Mateyu 24:14: “Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.”

Izinto Omele Uzazi NgoBukumkani BukaThixo

Indawo Obukuyo. UBukumkani BukaThixo ngurhulumente osezulwini.​—DANIYELI 2:44; MATEYU 4:17.

Izinto Obuza Kuzenza. UBukumkani BukaThixo buza kulungisa umhlaba ube likhaya labantu eliyiparadesi, kube mnandi, kubekho uxolo, abantu bavane buze buphelise ukugula nokufa.​—INDUMISO 37:11, 29.

Abantu Abaza Kulawula. UThixo ubeke uYesu ukuba alawule. Uza kuncediswa ngabantu abayi-144 000 abakhethwe emhlabeni.​—LUKA 1:30-33; 12:32; ISITYHILELO 14:1, 3.

Abantu abaza kulawulwa buBukumkani BukaThixo. Abantu abaza kulawulwa buBukumkani BukaThixo baza kuhlala emhlabeni, baze bathobele imithetho yenkokeli yabo, uYesu.​—MATEYU 7:21.

Izizathu Zokuba UYesu Engoyena Ufanelekileyo Ukuba Alawule Abantu.

Xa wayesemhlabeni, uYesu wabonisa ukuba uza kuba ngumlawuli obathandayo abantu kuba:

  • Wayebakhathalele abantu abasokolayo.​—LUKA 14:13, 14.

  • Wayebacaphukela abantu abanganyanisekanga nabenza izinto ezingekho mthethweni.​—MATEYU 21:12, 13.

  • Wayekwazi ukulawula indalo.​—MARKO 4:39.

  • Wondla abantu abaninzi.​—MATEYU 14:19-21.

  • Wababuhlungu xa ebona abantu abagulayo waza wabaphilisa.​—MATEYU 8:16.

  • Wavusa abantu abaswelekileyo.​—YOHANE 11:43, 44.

Indlela UBukumkani BukaThixo Obunokukunceda Ngayo

Unokonwaba nyhani ukuba unokuphila ngemithetho yoBukumkani BukaThixo. Ngokomzekelo, abantu abaxhasa uBukumkani

  • ‘Baphuthuma (okanye benza) uxolo nabantu bonke.’​—HEBHERE 12:14.

  • Emitshatweni, bayathandana yaye bayahloniphana, loo nto yenza bonwabe, babe noxolo, baze bamanyane.​—EFESE 5:22, 23, 33.

  • Bonwabile ebomini kuba bayamthanda uThixo ibe noThixo uyabathanda.​—MATEYU 5:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share