IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp20 No. 1 iphe. 14-15
  • Eyona Nyani Ngekamva

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Eyona Nyani Ngekamva
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ABANTU BAZA KULAWULWA KAKUHLE
  • ABANTU BAZA KUBA SEMPILWENI
  • ABANTU BAZA KUBA NOXOLO
  • KUZA KUBAKHO ABANTU ABALUNGILEYO BODWA EMHLABENI
  • UMHLABA UZA KUBA YIPARADESI ENTLE
  • Ithemba
    Vukani!—2018
  • Buyintoni Obu Bukumkani BukaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ukuvumela KukaThixo Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • UBukumkani BukaThixo—Bubalasele Ngazo Zonke Iindlela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2020
wp20 No. 1 iphe. 14-15
Abantu baphila kamnandi eParadesi

Eyona Nyani Ngekamva

Ucinga ukuba kuza kwenzeka ntoni emhlabeni njengokuba ixesha lihamba? IBhayibhile isixelela ngezinto eziza kwenzeka nendlela abaza kuncedakala ngayo abantu.

UYesu wasicacisela indlela esiza kubona ngayo xa ‘uBukumkani BukaThixo bukufutshane.’ (Luka 21:31) Wathi ezinye izinto esiza kuzibona ziimfazwe, iinyikima, indlala nezifo. Zonke ezi zinto ziyenzeka kule mihla.​—Luka 21:10-17.

IBhayibhile isixelela ukuba kule ‘mihla yokugqibela’ abantu baza kuba ngabantu ababi. Ungayifunda le nkcazelo kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5. Xa ubona ezi zinto zisenzeka namhlanje, ungangqina ukuba iBhayibhile ithetha inyani.

Yintoni ke eza kwenzeka? UBukumkani BukaThixo bukufutshane ibe buza kunceda abantu abaninzi bonwabe. (Luka 21:36) IBhayibhile isixelela ukuba uThixo uza kubenzela izinto ezintle abantu abasemhlabeni aze nawo awulungise. Nazi izinto aza kuzenza.

ABANTU BAZA KULAWULWA KAKUHLE

“[UYesu] wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze. Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.”​—DANIYELI 7:14.

Ithetha ukuthini le nto? Wonke umntu uza konwaba phantsi kolawulo loNyana kaThixo.

ABANTU BAZA KUBA SEMPILWENI

Umntwana oyintombi uphakama kwiwheelchair aze azihambele

“Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”​—ISAYA 33:24.

Ithetha ukuthini le nto? Soze uphinde ugule okanye ubone umntu onezinto angakwaziyo ukuzenza ibe soze uyicinge into yokuba ungafa ngenye imini.

ABANTU BAZA KUBA NOXOLO

Into yokulwa yophuliwe

“Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.”​—INDUMISO 46:9.

Ithetha ukuthini le nto? Akuzukubakho mfazwe.

KUZA KUBAKHO ABANTU ABALUNGILEYO BODWA EMHLABENI

“Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba.”​—INDUMISO 37:10, 11.

Ithetha ukuthini le nto? Akuzubakho bantu benza izinto ezimbi, kuza kubakho abantu abathobela uThixo qha.

UMHLABA UZA KUBA YIPARADESI ENTLE

“Baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo.”​—ISAYA 65:21, 22.

Ithetha ukuthini le nto? Umhlaba uza kuba mhle. UThixo uza kuqinisekisa ukuba kuyenzeka ukuthanda kwakhe “nasemhlabeni.” —Mateyu 6:10.

Abantu baphila kamnandi eParadesi
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share