Yenza Okulungileyo Uze Udunyiswe!
1 “Bazole ngendlela endingazange ndiyibone kubo nabaphi na abanye abantu.” “Kuluyolo ukuba neli qela.” La ngamagqabaza amnandi avela kwabo babesibukele emva kweendibano zesithili zalo nyaka uphelileyo, abalaselisa igama elihle esizenzele lona njengentlangano. (IMize. 27:2; 1 Kor. 4:9) Ekugqibeleni, loo ndumiso iya kuYehova. (Mat. 5:16) Selifikile elinye ithuba elihle lokudumisa uThixo kwiNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo’ yalo nyaka.
2 Nyaka ngamanye sikhunjuzwa ngobubele ngokuphathelele ihambo efanelekileyo endibanweni. Ngoba? Ekubeni isimo sengqondo, indlela yokunxiba nehambo yabantu behlabathi ziqhubeka zisonakala, asifuni kubaxelisa. Asifuni konakalisa indlela entle esidume ngayo. (Efe. 2:2; 4:17) Masihlale sikhumbula ezi zilumkiso zilandelayo.
3 Yenza Okulungileyo—Ezihotele, Kwiindawo Zeekharavani, Okanye Kwizindlu Zokuchitha Iholide: Saziwa njengabantu abanyanisekileyo. (Heb. 13:18) Ngaloo ndlela, kufuneka sinyaniseke xa sichaza inani labantu abahlala nathi. Asimele sipheke kwelo gumbi ukuba oko akuvumelekanga. Omnye umphathi wachaza ukuba uyakwazi ukuthoba amaxabiso kumaNgqina kaYehova kuba zange kukhe kufuneke ukuba athenge ezinye iitawuli ngenxa yezo zilahlekileyo. Uyazi ukuba isakhiwo siza kunyanyekelwa kakuhle. Ngokuqinisekileyo besingayi kuthabatha “izikhumbuzo.” Kunoko, apho kulisiko khona oko, bashiyele amaqithiqithana afanelekileyo ukubonisa uxabiso ngeenkonzo zabo. Ngalo lonke ixesha yiba nesimilo nomonde xa uqhubana nabasebenzi.
4 Abantu bayachukumiseka xa bebona abantwana bethu beziphethe kakuhle yaye bethobela. (Efe. 6:1, 2) Bazali, ncedani nibabeke esweni abantwana benu ukuze bangaphazamisi abanye, naxa besebenzisa iqula lokuqubha okanye ezinye iindawo zokuzihlaziya. Sonke sifanele sikuphephe ukumbakraza iingcango okanye singxole, ngokukodwa ngorhatya.
5 Singenza okulungileyo ngokuba nolwazelelelo kwezinye iindwendwe ezingengomaNgqina ezisebenzisa kwaezo zakhiwo. Akufanelekanga ukuthabatha ukutya okungakumbi kuba sifuna ukukusebenzisa ngelinye ixesha. Masingaze sicinge ukuba simele siphathwe ngendlela eyahlukileyo.
6 Yenza Okulungileyo—Kwibala Lendibano: Kuye kwafunyaniswa ukuba bambi bayala ukusebenzisana nabalindi, bade bathethe nabo ngendlela engeyoyabukristu. Ngenxa yokungathobeli imiyalelo yabazalwana nokumisa apho kungafanelekanga, iinqwelo-mafutha zabanye ziye zarhuqwa ngabakwantsasana. Ngokuqinisekileyo, isimo sengqondo sokuzicingela asimchazi ubani njengoziphethe kakuhle, singadumisi noYehova uThixo. Ngoko masibe nothando, umonde nentsebenziswano.—Gal. 5:22, 23, 25.
7 Xa kuvulwa amasango endibanweni ngeye-7:00 kusasa, abanye abazalwana noodade baye babonwa bembonzeleka, betyhalana besunduzana kuba befuna ezona zihlalo “zibhetele.” Abanye baye benzakala ngenxa yokuziphatha ngolu hlobo. Ngoxa kuye kwacetyiswa ukuba siziphathele ukutya okulula kwesidlo sasemini, akufanelekanga ukulungiselela iitafile kwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha ngenjongo yokwenza umdliva wesidlo. Oku kwenza kube ngathi sikwiipikiniki ezenziwa kumatheko ezemidlalo.
8 Yenza Okulungileyo—Kwindlela Yokunxiba Nokuzilungisa: Emva kwenye yeendibano zesithili zalo nyaka uphelileyo, umhleli wephephandaba lezixeko needolophu ezinkulu wabhala: “Ngaphezu kwayo nayiphi na enye into, eyona nto yayichukumisa kakhulu yayiyindlela ayeziphethe ngayo amaNgqina. Hayi indlela ekwakuhlaziya ngayo ukubona isihlwele sabantu siziphethe ngokundilisekileyo nangembeko. Sinxibe izinxibo zaso zangeCawa, amakhulu eentsapho ezisusela kwiintlanga nezizwe ezineemvelaphi ezahlukeneyo aye ngumkrozo ukungena kwibala lezemidlalo. Indlela ababeziphethe ngayo yayahluke gqitha kuleyo yenkoliso yezihlwele ezisebenzisa eli bala. Enyanisweni, ngokuqhelekileyo amaNgqina ahluke gqitha kwinkoliso yezinye izihlwele zabantu. Sele kuqheleke gqitha ukubona abantu abakrwada. . . . Eneneni, isihlwele samaNgqina siyahlaziya.” Ngamana singangaze sivumele ukuzilungisa nokunxiba kwethu okanye ihambo yethu iphambuke ngayo nayiphi na indlela kwimeko yokomoya yendibano.—Fil. 1:10; 1 Tim. 2: 9, 10.
9 Yenza Okulungileyo—Ekubhaptizweni: Abo baza kubhaptizwa bafanele basiphathe ngeyona ntlonelo esi sihlandlo. Ukunxiba impahla yokuqubha endilisekileyo kubonisa uxabiso ngobungcwele besi sihlandlo. Kuya kuba kuhle ngabaqhubi bezifundo zeBhayibhile ukuba ngaphambi kokuya endibanweni bahlolisise nezifundo zabo inqaku elithi “Imibuzo Evela Kubafundi” kwinkupho yeMboniselo ka-Aprili 1, 1995.
10 Indlela esizilungisa ngayo nehambo yethu yobuthixo zinikela ubungqina ngeenkolelo zethu zobuKristu yaye zenza kube lula kwabo baneentliziyo ezinyanisekileyo ukuqonda inyaniso. Ngoko ke, ‘masihlale sisenza okulungileyo,’ size sidunyiswe ngoxa sikwiNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo.’—Rom. 13:3.