Fikelela Intliziyo Yesifundo Sakho
1 Ngaphambi kokuba enyukele ezulwini, uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba “bazigcine” zonke izinto abayalele zona. (Mat. 28:19, 20) Ukuba umntu uza ‘kuyigcina’ imiyalelo kaKristu, inkcazelo ifanele ifikelele intliziyo yakhe. (INdu. 119:112) Unokuyichukumisa njani intliziyo yomntu omqhubela isifundo seBhayibhile?
2 Thandazela Ulwalathiso LukaYehova: Ukwenza abafundi ngumsebenzi kaThixo. Intsikelelo yakhe, kungekhona ubuchule bethu iyafuneka ukuze siphumelele. (IZe. 16:14; 1 Kor. 3:7) Ngaloo ndlela, ukuthandazela uncedo lukaYehova xa kufundiswa abanye inyaniso kubalulekile.—Isa. 50:4.
3 Kuqonde Oko Sikukholelwayo Isifundo: Ukwazi oko abantu bakukholelwayo nesizathu sokuba bakukholelwe kunokusenza sikwazi ukuthetha nabo ukuze sifikelele iintliziyo zabo. Kutheni umfundi eyithanda kakhulu imfundiso ethile? Yintoni emenza ayikholelwe? Ulwazi olunjalo lunokusinceda sithethe ngokuqonda.—IZe. 17:22, 23.
4 Yakha Ingxubusho Enengqiqo EngokweZibhalo: Inyaniso ifanele ibe nengqiqo kwisifundo. (IZe. 17:24-31) Ufanele usichaze isizathu esisengqiqweni sethemba lethu. (1 Pet. 3:15) Noko ke, xa usenjenjalo, yiba nobubele nomonde.
5 Kubethelele Ngemizekeliso: Imizekeliso ayipheleli nje ekuyenzeni iqondakale kwisifundo kodwa ikwavuselela iimvakalelo. Ibandakanya ingqondo neentliziyo. UYesu wayesoloko eyisebenzisa. (Marko 4:33, 34) Kakade ke, ukuze ube nempumelelo, umzekeliso osetyenziswayo ufanele uhambisane naloo ngongoma ixutyushwayo, yaye ufanele ube nento yokwenza nobomi bomfundi.
6 Sibonise Iingenelo Zokwamkela Inyaniso: Abantu bafuna ukwazi iingenelo zokusebenzisa oko bakufundayo. Nceda isifundo sakho sibone iingenelo zamazwi kaPawulos akweyesi-2 kuTimoti 3:14-17.
7 Musa ukudimazeka ukuba abanye abasabeli kwimfundiso yakho. Ayizizo zonke iintliziyo ezinoxabiso. (Mat. 13:15) Noko ke, bambi abantu baba ngamakholwa. (IZe. 17:32-34) Ngamana imigudu yakho yokufikelela intliziyo ngeendaba ezilungileyo inganceda abangakumbi ukuba bamkele baze “bagcine” oko uYesu wabayalela kona.