Lungiselela Ukufunda Isiprofeto SikaIsaya!
1 “Abanquli abathembekileyo banokuba nentembelo yokuba uYehova . . . akayi kulivumela ihlabathi likaSathana ukuba liqhubeke likho nokuba lusuku nje olunye ngaphezulu kunokuba kuyimfuneko.” Hayi indlela akhuthaza ngayo loo mazwi! Acatshulwe phi la mazwi? KwiSiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu. Ngaba isiprofeto sikaIsaya sisinika isizathu sokuba sifikelele kwisigqibo esikhuthaza ngolo hlobo? Ewe! Kuloo ncwadi yeBhayibhile, umxholo wosindiso ugxininiswa ngokubalaseleyo. (Isa. 25:9) Yiyo loo nto kuya kuba lukhuthazo kakhulu ukufundisisa le nxalenye yeLizwi likaThixo kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Ngaba siza kubakho ukuze siyinandiphe veki nganye? Kutheni sifanele sibekho?
2 KuIsaya 30:20, uYehova kuthiwa ‘ngumYaleli wethu Ozukileyo.’ UmKristu ngamnye kufuneka aphulaphule ngenyameko njengokuba uYehova ethetha nathi ngeLizwi lakhe iBhayibhile nangeempapasho ezilungiselelwe ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45; Isa. 48:17, 18) Ngokuqinisekileyo oku kuyinyaniso ngencwadi yeSiprofeto SikaIsaya 1. Unokungenelwa njani ngokuyifundisisa le ncwadi?
3 Lungiselela Ukuba Nenxaxheba: Bekela bucala ixesha elithile veki nganye ukuze ulungiselele isifundo sencwadi. Funda isiqendu ngasinye sombandela owabelweyo. Cinga ngombuzo ngamnye oshicilelweyo. Zikrwelele iimpendulo ezikwincwadi yakho. Iindinyana ezicatshulwe kwincwadi kaIsaya zibhalwe ngqindilili. Zifunde ngenyameko. Hlola ezinye izibhalo ezibonisiweyo, uze ubone indlela ezidibana ngayo nombandela. Camngca ngoko ukufundayo. Yandula ke wabelane neqela lesifundo sencwadi sakho ngoko ukulungiseleleyo.
4 Umzalwana oqhuba isifundo sencwadi ufanele abancede bonke abakhoyo ukuze bayisebenzise kakuhle iBhayibhile baze bakuqonde ukubaluleka kombandela oxutyushwayo. Ukuba ungowokuqala ukugqabaza, phendula ngendlela elula nengqalileyo. Ukuba umntu othile sele ekwenzile oko, unokuphuhlisa loo ngongoma ixutyushwayo. Okanye unokubonisa indlela isibhalo esiyintloko esiwuxhasa ngayo umxholo. Zama ukugqabaza ngawakho amazwi, uze uyoliswe kukuba nenxaxheba kwingxubusho.
5 Masisihlolisise kunye ngomdla isigidimi esixabisekileyo esikwincwadi kaIsaya. Iya kusikhuthaza ukuze usuku ngalunye siluphile silulindele ngovuyo usindiso lukaYehova!—Isa. 30:18.