Ngaba Unako Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona?
1 Ngaba wakha wacinga ngokufudukela kwindawo efuna abavakalisi boBukumkani abangakumbi? Ukuba ubuceliwe ukuba ‘Uwelele ngapha . . . uze kunceda,’ ngaba ubuya kusabela njengokuba wenzayo umpostile uPawulos? (IZe. 16:9, 10) Kumabandla amaninzi, kufuneka iintsapho eziqolileyo ngokomoya, okanye oovulindlela bokunceda ukuze kugutyungelwe umhlaba, okanye abadala abafanelekayo nezicaka zolungiselelo ukuze bakhokele. Intsimi isenokuba yakhiwe ziidolophana ezincinane ezithe saa kuloo mimandla mikhulu yasemaphandleni. Eyona Holo yoBukumkani ikufutshane inokuba mgama ngeekhilomitha eziliqela. Iindawo zempangelo zisenokuba mbalwa. Imozulu isenokungasoloko intle. Ngaba ukulungele ukujamelana nolo celomngeni? Unokwenza njani ukuze uphumelele?
2 Ukholo Nentembelo Ziyafuneka: Ngolwalathiso lukaThixo, uAbram washiya idolophu yakowabo iUre waza wahamba iikhilomitha ezili-1 000 esinge kwaHaran nomfazi wakhe, umtshana wakhe noyise owayesele aluphele uTera. (Gen. 11:31, 32; Neh. 9:7) Emva kokufa kukaTera, uYehova wayalela uAbram, owayesele eneminyaka engama-75 ubudala, ukuba emke kwaHaran ashiye izihlobo zakhe aze asinge kwilizwe awayeza kumbonisa lona uThixo. UAbram, uSarayi noLote “banduluka.” (Gen. 12:1, 4, 5) Kakade ke, uAbram akazange afuduke ukuze aye kukhonza apho kwakukho imfuneko enkulu yabalungiseleli. Kodwa ukufuduka kwakhe kwakufuna into ethile. Yayiyintoni leyo?
3 Kwakufuneka uAbram abe nokholo nethemba ukuze athabathe elo nyathelo. Indlela yakhe yokucinga neyokuphila zaziza kutshintsha. Kwafuneka ashiye unqabiseko lwezalamane zakhe. Kodwa wayethembele kuYehova ukuze amkhusele nentsapho yakhe. Abaninzi namhlanje baye babonisa ukuthembela kwabo kuYehova ngendlela efanayo.
4 Izabelo Zexesha Elifutshane: Ngaba wakha wazinandipha iintsikelelo eziza ngenxa yokusebenza intsimi engabelwanga bani? Nyaka ngamnye ebudeni benyanga ka-Agasti, kaSeptemba neka-Oktobha, amawaka abavakalisi banandipha iintsikelelo zokusebenza intsimi engabelwanga bani. Nalo nyaka awuzukwahluka! Iphulo lomhlaba ongabelwanga bani livula ithuba lokuba abanye babe ngoovulindlela abangabancedani inyanga enye okanye ezingaphezulu. Kukho iidolophu needolophana ezincinane ekuthe, ngenxa yokuba kude kumabandla amiselweyo, akwanikelwa bungqina kuzo kangangeqela leminyaka. Ezi zizabelo ekunokucingwa ngazo ngabavakalisi abadla umhlala-phantsi nabo banokukwazi ukuhlala kwezi dolophu inyanga enye okanye ngaphezulu. Ngale ndlela kunokuphunyezwa okungakumbi. Sikhuthaza abo banokukwazi ukwenjenjalo ukuba bacinge ngoku.
5 Kwabanye, oku kuthetha ukuhamba imigama emide. Ngaba oko kwakuwufanele loo mgudu? Omnye umfama waseNtshona Koloni, akufumanisa oko sasikwenza, walungiselela ukuba bonke abasebenzi baphume ngaphambi kweyure emsebenzini. Bahlanganisana kwishedi yale fama apho omnye wabazalwana wanikela ubungqina obucokisekileyo. Abasebenzi abazange bakwazi ukunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke kodwa bacela ukuhlamba iimoto zabazalwana ezazinothuli ukuze bahlawulele uncwadi. Omnye umfama eMpumalanga wasixabisa gqitha isigidimi sethu waza wamkela uncwadi. Noko ke, abasebenzi babesebenza emasimini, ngaloo ndlela abavakalisi abazange bakwazi ukuthetha nabo. Wathi ukuba aba bavakalisi bangabuya ngeyoku-1:00 emva kwemini angalungiselela ukuba babekho bonke. Njengoko wayetshilo, bonke abasebenzi bahlanganiswa. Malunga namashumi asixhenxe anesihlanu ekhulwini amabandla aba nesabelo kweli phulo lomsebenzi ongabelwanga bani kunyaka ophelileyo. Inkoliso yabavakalisi iye yavuma ukuba ukukhonza nokuba lixesha elincinane apho imfuneko inkulu khona kuye kwalenza nzulu uxabiso lwayo ngobulungiseleli. Thetha nabo baye bakwenza oku. Uya kufumanisa ukuba bahlaziyekile ngokomoya yaye bangathanda ukuphinda baye ukuba banganikwa ithuba.
6 Ukwamkela isabelo sokwexeshana sokukhonza apho imfuneko inkulu khona kunokunceda ngenye indlela. Abo benjenjalo banokufumana inkcazelo eluncedo ukuze ibancede ‘babale iindleko’ zokufudukela kwenye inxalenye yelizwe.—Luka 14:28.
7 Ukufudukela Apho Imfuneko Inkulu Khona: UYehova ufuna iindaba ezilungileyo zivakaliswe “kuwo wonke umhlaba omiweyo” ngaphambi kokuba kufike isiphelo. (Mat. 24:14) Ekubeni ukwazi oku, ukuba ungakwazi, ngaba ukulungele ukufudukela apho imfuneko inkulu khona? Kukho imfuneko kwimimandla emininzi.
8 Ngaba udla umhlala-phantsi? Ngaba unengeniso esisigxina oqinisekileyo ngayo? Ukuba akunjalo, ngaba unokulungiselela ukuba uzisebenzele? Ngaba unokukwazi ukuphila naphi na ngokusebenzisa umnxeba okanye ikhompyutha? Ukuba akunakukwazi ukufuduka, ngaba ungakwazi ukunceda elinye ilungu lentsapho ukuze likhonze kwenye indawo?
9 Ukuba emva kokuwuhlolisisa ngomthandazo lo mbandela uvakalelwa kukuba unokufudukela apho imfuneko inkulu khona, wuxubushe nentsapho yakho nabadala bebandla lakho. Yandula ke, ubhale ileta uze uyinike abadala ukuze baquke awabo amagqabaza noncomelo ngaphambi kokuba bayithumele kwiofisi yesebe.
10 Ufanele uquke ntoni kwileta yakho? Ubudala bakho, umhla wokubhaptizwa, iimbopheleleko zakho ebandleni, umtshato nokuba ngaba unabantwana abasaxhomekeke kuwe kusini na. Dwelisa amagama eendawo okhetha ukukhonza kuzo, ngokweemfuno zakho. Ngokomzekelo, ngaba zikho iilwimi zasemzini okwaziyo ukuzithetha?
11 Ngaba unenzondelelo nobuchule bokuqalisa izinto? Ngaba iimeko zakho ziyakuvumela ukuba ukhonze apho imfuneko inkulu khona? Ukuba kunjalo, qwalasela indlela uYehova azithulula ngokuqhubekayo ngayo iintsikelelo kwabo bathembela ngaye njengokuba bebonisa umoya wokuzincama!—INdu. 34:8; Mal. 3:10.