Iintsikelelo Zokubonisa Uxabiso Ngothando LukaYehova—Icandelo 2
1 Kwinxalenye yenyanga edluleyo ebesixubusha kuyo lo mbandela, siye sabalula iindlela ezine esinokubonisa ngazo uxabiso lwethu ngothando lukaYehova kubulungiseleli. (1 Yoh. 4:9-11) Apha siza kongeza iindlela ezintlanu ezingakumbi zokwenza oku. Xa sinesabelo ngokuzeleyo ekuncedeni abanye ngokomoya, siyasikeleleka.
2 Ukunikela Ubungqina Obungacwangciswanga: Le yindlela ephumelelayo yokufumana abantu abanxaniweyo nabalambele ubulungisa neyokubahambisela uncwadi oluluncedo. Kuhle ‘ukuzongela ixesha’ nokunikela ubungqina ngamaxesha onke kuye nabani na esidibana naye. (Efe. 5:16) Kusenokufuneka siqwebe inkalipho ukuze sinikele ubungqina ngale ndlela, kodwa ukuba sinoxabiso ngothando lukaThixo neemfuno zabantu, siya kunikela ubungqina ngamaxesha onke.—2 Tim. 1:7, 8.
3 Omnye umvangeli wasemazweni wasikelelwa kakhulu ngokuqalisa incoko nomntu awayekhwele naye eteksini. Le ndoda yabonisa umdla. Kwabuyelwa, kwaza kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. Loo ndoda yayamkela inyaniso yaza yenza inkqubela yada yaba ngumdala webandla!
4 Ukubhala Iileta: Mhlawumbi asikwazi ukuya kwindlu ngendlu ngenxa yempilo enkenenkene okanye imozulu emaxongo. Sinokubhala iileta, sinikele ubungqina obufutshane ngeleta kubantu esibaziyo, abo bafelwe ngabantu ababathandayo okanye abo bebengekho ekhaya. Sinokuquka elinye lamaphecana ethu asexesheni elinesigidimi seBhayibhile esinomtsalane nelikhuthaza lowo ulifumeneyo ukuba aqhagamshelane nawe ukuba unemibuzo ethile anayo. Sebenzisa idilesi yakho okanye eyeHolo yoBukumkani; nceda ungasebenzisi idilesi yeofisi yesebe.
5 Ukunikela Ubungqina Ngomnxeba: Le yindlela esemagqabini yokufikelela abantu esingakwaziyo ukudibana nabo kumsebenzi wendlu ngendlu. Ukuba sikwenza ngengqiqo, ngobubele, ngobuchule nangobugcisa sinokufumana intsabelo entle. UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari 2001, iphepha 5-6, bunikela amacebiso amahle ngendlela yokufumana imiphumo emihle.
6 Xa omnye udade wayenikela ubungqina ngomnxeba, wabuza ibhinqa elithile enoba lakhe lacingisisa kusini na ngoko likuphathelwe likamva lona nentsapho yalo. Eli bhinqa lavuma ukuba lakhe lenjenjalo. Kwakhona labonisa ukuba ngenxa yokuphelelwa kwalo lithemba, liye lakhetha ukuzihlalela lodwa. Lichukunyiswe yinkxalabo enyanisekileyo yalo dade, eli bhinqa lavuma ukudibana naye ngakwiivenkile ezingekude. Ngenxa yoko, eli bhinqa lasamkela isifundo seBhayibhile!
7 Buka Iindwendwe: Ukuba siyabathanda abamelwane bethu, siya kukhawuleza ukubona nawuphi na umntu otyeleleyo kwiintlanganiso zethu yaye siya kumenza azive esekhaya. (Roma 15:7) Makabone ukuba uphakathi kwabo banomdla wokwenene kwimpilo yakhe yokomoya. Inkxalabo yethu yokwenene nesicelo sethu sokumqhubela isifundo seBhayibhile sinokumshukumisela ukuba alwamkele uncedo lwethu.
8 Ihambo Yethu Entle: Ngehambo yethu entle, sihombisa inyaniso. (Tito 2:10) Xa abantu abasehlabathini bethetha izinto ezintle ngathi njengamaNgqina kaYehova, bazukisa uThixo. (1 Pet. 2:12) Nako oku kunokunceda abanye baqalise indlela yobomi.
9 Kutheni singahlolisisi ezi ndlela zintlanu zokubonisa uxabiso esinalo ngothando olukhulu uYehova analo ngathi size sizisebenzise? (1 Yoh. 4:16) Njengokuba sisenza, siya kuvuna iintsikelelo ezininzi.