Ukunyaniseka Kwimigaqo YamaKristu Xa Isalamane Sisusiwe Kubudlelane
1. Yiyiphi imeko enokuvavanya ukunyaniseka komKristu?
1 Igazi liyajiya kunamanzi. Loo nto inokumvavanya umKristu xa iqabane lomtshato, umntwana, umzali, okanye esinye isalamane esisondeleyo sisusiwe okanye sizahlule ebandleni. (Mat. 10:37) AmaKristu anyanisekileyo afanele asiphathe njani eso salamane? Ngaba ufanele asiphathe ngendlela eyahlukileyo xa ehlala naso? Makhe sihlole oko iBhayibhile ikutshoyo ngalo mba, imigaqo esebenza ngokufanayo kwabo basusiweyo nakwabo bazahluleyo.
2. Ngokutsho kweBhayibhile, amaKristu amele abaphathe njani abo bagxothiweyo ebandleni?
2 Indlela Abamele Baphathwe Ngayo Abagxothiweyo: ILizwi likaThixo liyalela amaKristu ukuba anganxulumani okanye angadlelani nomntu ogxothiweyo ebandleni: “Niyeke ukunxulumana naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila okanye umphangi, ningatyi kwaukutya nomntu onjalo. . . . Mshenxiseni umntu ongendawo phakathi kwenu.” (1 Kor. 5:11, 13) Amazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 18:17 ayangena kulo mba: “Kuwe [lowo ugxothiweyo] makabe njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.” Abo babephulaphule uYesu babesazi kakuhle ukuba amaYuda aloo mihla ayengenanto yakwenza nabeeNtlanga kwaye ayebaphepha ababuthi berhafu. Ngaloo ndlela uYesu wayeyalela abalandeli bakhe ukuba banganxulumani nabo bagxothiweyo.—Bona IMboniselo kaMatshi 1, 1982, iphepha 11-13.
3, 4. Bubudlelane obunjani esingafanele sibe nabo nabantu abasusiweyo kubudlelane?
3 Oku kuthetha ukuba umKristu onyanisekileyo akancokoli ngezinto zokomoya naye nabani na ogxothiweyo ebandleni. Kodwa ke akuphelelanga apho. ILizwi likaThixo lithi sifanele ‘singatyi kwaukutya nomntu onjalo.’ (1 Kor. 5:11) Ngenxa yoko siyakuphepha ukubutha nabantu abagxothiweyo. Oku kuthetha ukuba asiyi kuya naye epikinikini, ethekweni, emdlalweni okanye siye kuthenga, asinakuya kwimidlalo yeqonga okanye sidle naye enoba kusekhaya okanye kukwivenkile yokutyela.
4 Kuthekani ngokuthetha nomntu osusiweyo kubudlelane? Ngoxa iBhayibhile ingathethi ngazo zonke iimeko, eyesi-2 kuYohane 10 iyasinceda sibone izinto ngendlela uYehova azijonga ngayo: “Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, ningaze nimamkele emakhayeni enu okanye nimbulise.” Igqabaza ngale ngongoma, IMboniselo kaMatshi 1, 1982, iphepha 25, ithi: “U-‘Molo’ nje emntwini unokuba linyathelo lokuqala elikhokelela kwincoko kwaye mhlawumbi nakubuhlobo. Ngaba besiya kufuna ukuthabatha elo nyathelo lokuqala nomntu osusiweyo ebudlelaneni?”
5. Yintoni aphulukana nayo umntu xa esuswa kubudlelane?
5 Enyanisweni kunjengokuba iphepha 25 lale Mboniselo inye lisitsho: “Isibakala sikukuba xa umKristu ezinikela esonweni kuze kufuneke esusiwe ebudlelaneni, uphulukana nokuninzi: ukuma kwakhe okukholekileyo noThixo; . . . ubudlelane obumnandi nabazalwana, kuquka unxulumano olukhulu abesoloko enalo nezalamane ezingamaKristu.”
6. Ngaba umKristu umele aqhawule lonke unxibelelwano nesalamane ahlala naso esisusiweyo kubudlelane? Cacisa.
6 Xa Nihlala Kunye: Ngaba oku kuthetha ukuba xa umKristu ehlala nomntu osusiweyo umele angathethi naye, angatyi naye kwaye anganxulumani naye njengoko besenza izinto zemihla ngemihla? Kumbhalo osemazantsi okwiphepha 22, IMboniselo ka-Aprili 15, 1991, ithi: “Ukuba kwintsapho yamaKristu kukho isalamane esisusiweyo kubudlelane, loo mntu useyinxalenye yeenkqubo zamihla le nemisebenzi eyenziwa kwelo khaya.” Ngaloo ndlela, amalungu entsapho asenokugqiba kwelokuba sibekho xa kutyiwa okanye kusenziwa ezinye izinto zasekhaya. Ukanti, kubazalwana awafanele abonakale ngathi yonke into isafana nangaphambi kokuba lisuswe ilungu lentsapho.
7. Ubudlelane bentsapho butshintsha njani xa ilungu lentsapho lisusiwe kubudlelane?
7 Noko ke, IMboniselo kaMatshi 1, 1982, iphepha 21, ithetha yenjenje ngokususa ebudlelaneni okanye ukuzahlula komntu: “Amaqhina okomoya angaphambili aqhawulwe ngokupheleleyo. Oku kukwanjalo nangokubhekisele kwizalamane zakhe, kuquka nezo zikwisangqa sentsapho ekwanye. . . . Oku kuya kuthetha iinguqulelo kubudlelane bokomoya obusenokuba bebukho ekhayeni. Ngokomzekelo, ukuba indoda isusiwe ebudlelaneni, umfazi wayo nabantwana abayi konwaba kukuqhuba kwayo isifundo seBhayibhile sentsapho okanye ikhokele kufundo lweBhayibhile nomthandazo. Ukuba ifuna ukwenza umthandazo, njengakwixesha lesidlo, inalo ilungelo lokwenjenjalo ekhayeni. Kodwa bona banokwenza eyabo imithandazo kuThixo bethule. (IMize. 28:9; INdu. 119:145, 146) Kuthekani ukuba umntu osusiweyo ebudlelaneni ufuna ukubakho xa intsapho ifunda iBhayibhile kunye okanye inesifundo seBhayibhile? Abanye basenokumvumela abekho ukuba aphulaphule ukuba akayi kuzama ukubafundisa okanye abelane ngeengcamango zakhe zonqulo.”
8. Yiyiphi imbopheleleko abanayo abazali abangamaKristu kumntwana wabo osusiweyo kubudlelane osahlala ekhaya?
8 Ukuba ngumntwana osengaphantsi kolwalathiso lwabazali osusiweyo kubudlelane, abazali abangamaKristu basenembopheleleko yokumkhulisa. IMboniselo kaNovemba 15, 1988, iphepha 20, ithi: “Kanye njengokuba beya kuqhubeka bemlungiselela ukutya, impahla, nekhusi, kufuneka bamfundise bamqeqeshe ngokuvisisana neLizwi likaThixo. (IMizekeliso 6:20-22; 29:17) Ngaloo ndlela abazali abanothando basenokulungiselela ukumqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya, kwanokuba ususiwe kubudlelane. Mhlawumbi uya kufumana ukulungiswa okuneengenelo ngakumbi ngokufundisisa naye eyedwa. Okanye basenokugqiba kwelokuba usenokuqhubeka esiba nesabelo kwilungiselelo lesifundo sentsapho.”—Bona IMboniselo kaOktobha 1, 2001, iphepha 16-17.
9. UmKristu unokunxibelelana kangakanani nesalamane esisusiweyo kubudlelane esingahlali naye?
9 Izalamane Eningahlali Kunye Nazo: IMboniselo ka-Aprili 15, 1988, kwiphepha 28 ithi: “Imeko yahlukile ukuba ubani osusiweyo kubudlelane okanye ozahlulileyo usisalamane esihlala ngaphandle kwentsapho esondeleyo. Kusenokwenzeka ukungabi nalo phantse konke konke ulwalamano kunye neso salamane. Nokuba bekukho imicimbi ethile yentsapho efuna unxibelelwano, ngokuqinisekileyo ibiya kulinganiselwa,” ngokuvisisana nomgaqo wobuthixo othi “niyeke ukunxulumana naye nabani na” onetyala lokona aze angaguquki. (1 Kor. 5:11) AmaKristu anyanisekileyo amele aluphephe unxulumano olungeyomfuneko nesalamane esinjalo, kwaneenkqubano zoshishino zifanele zincitshiswe kangangoko kunokwenzeka.—Bona neMboniselo kaMatshi 1, 1982, iphepha 23-24.
10, 11. Yintoni umKristu amele ayihlolisise ngaphambi kokuvumela isalamane esisuswe kubudlelane sibuyele ekhaya?
10 IMboniselo ixubusha nenye ingxaki enokuvela: “Kuthekani ukuba isalamane esisondeleyo, esinjengonyana okanye umzali ongahlali ekhaya, sisusiwe ebudlelaneni size emva koko sifune ukubuyela ekhaya? Intsapho inokugqiba oko mayikwenze kuxhomekeka kwimeko. Ngokomzekelo, umzali osusiweyo ebudlelaneni usenokuba uyagula okanye akasenako ukuzinyamekela ngokwakhe ngokwasemalini okanye ngokwasemzimbeni. Abantwana abangamaKristu banemfanelo yokunceda engokweZibhalo nefanelekileyo. (1 Tim. 5:8) . . . Okwenziwayo kusenokuxhomekeka kwizinto ezinjengeentswelo zokwenene zomzali, isimo sakhe sengqondo nenkathalo enayo intloko-ntsapho ngempilontle yokomoya yentsapho.”—IMboniselo kaMatshi 1, 1982, iphepha 22.
11 Ngokuphathelele umntwana, eli nqaku linye lihlabela mgama lisithi: “Ngamanye amaxesha abazali abangamaKristu bamamkelela ekhayeni okwexeshana umntwana osusiweyo ebudlelaneni othe wagula ngokwasemzimbeni okanye ngokweemvakalelo. Kodwa kwimeko nganye abazali banokuyihlolisisa imeko nganye. Ngaba unyana osusiweyo ebudlelaneni ebezixhasa ngokwakhe, kwaye ngaba ngoku akanako ukwenjenjalo? Okanye ngaba ufuna ukubuya ngokuyintloko ngenxa yokuba bekuya kuba bubomi obulula ngakumbi? Kuthekani ngokuziphatha nesimo sakhe sengqondo? Ngaba uya kuzisa ‘igwele’ ekhaya?—Gal. 5:9.”
12. Ziziphi ezinye zeengenelo zelungiselelo lokususa kubudlelane?
12 Iingenelo Zokunyaniseka KuYehova: Kuyingenelo ukusebenzisana nelungiselelo leZibhalo lokususa nokuphepha ukunxulumana nabenzi bobubi abangaguqukiyo. Ligcina ibandla licocekile kwaye lisenza sahluke njengabantu abaphakamisa imilinganiselo yeBhayibhile ephakamileyo yokuziphatha. (1 Pet. 1:14-16) Lisikhusela kwiimpembelelo ezonakalisayo. (Gal. 5:7-9) Linika nomoni lowo ithuba lokuba angenelwe ngokuzeleyo kuqeqesho alunikwayo, nto leyo enokumnceda avelise “isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa.”—Heb. 12:11.
13. Luluphi utshintsho olwenziwa yenye intsapho, ibe waba yintoni umphumo?
13 Emva kokuba bephulaphule intetho kwindibano yesiphaluka, omnye umzalwana kunye nodade wabo wenyama baqonda ukuba kwakufuneka balungise indlela ababeqhubana ngayo nonina, owayehlala kwenye indawo nowayeneminyaka emithandathu esusiwe. Emva nje kwaloo ndibano, lo mzalwana wamtsalela umnxeba unina, waza emva kokumqinisekisa ukuba uyamthanda, wamchazela ukuba babengayi kuthetha naye ngaphandle kokuba kukho imibandela ebalulekileyo yentsapho efuna ukuba bayixubushe. Kungekudala emva koko, unina waqalisa ukuya ezintlanganisweni waza ekugqibeleni wabuyiselwa. Nomyeni wakhe owayengelokholwa waqalisa ukufundisisa waza ethubeni wabhaptizwa.
14. Kutheni sifanele silixhase ngokunyaniseka ilungiselelo lokususa kubudlelane?
14 Ukunyaniseka kwilungiselelo lokususa kubudlelane elichazwe kwiZibhalo kubonisa ukuba siyamthanda uYehova kwaye kuyamphendula lowo umngcikivayo. (IMize. 27:11) Ethubeni, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusisikelela. UKumkani uDavide wabhala wenjenje ngoYehova: “Ke yona imimiselo yakhe, andiyi kuphambuka kuyo. Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.”—2 Sam. 22:23, 26.