IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/03 iphe. 3
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphuhlisa Intsimi Yolunye Ulwimi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Iindlela Zokushumayela Iindaba Ezilungileyo
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Abadala Abalusa Umhlambi
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Buqinise Ubuhlobo Bakho NoYehova Ngoxa Ukhonza Kwintsimi Yolunye Ulwimi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 1/03 iphe. 3

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Lifanele livulwe nini ebandleni iqela lolwimi lomthonyama, elolwimi lwasemzini okanye elentetho yezandla?

Ukuba kwintsimi yebandla lenu kukho iqela labantu abathetha ulwimi lomthonyama okanye ulwimi lwasemzini, abadala bafanele benze oko banokukwenza ukuze balungelelanise umsebenzi wokushumayela ngolo lwimi. (km-XO 7/02 iphe. 1; km-XO 2/98 iphe. 3-4) Kusenokwenzeka ukuba abantu abathetha ulwimi lomthonyama, ulwimi lwasemzini okanye abantu abangevayo basasazeke kwintsimi yamabandla amabini okanye kumabandla aselumelwaneni. Kwimeko enjalo, umveleli (abaveleli) wesiphaluka uya kunikela ulwalathiso, ngaloo ndlela ancede amabandla abandakanyekileyo ukuba ancedisane kumsebenzi wokushumayela. Ngamaxesha athile, kunokulungiselelwa ukuba intetho yesidlangalala neSifundo SeMboniselo ziqhutywe ngolo lwimi ukuze kubonwe ukuba bangaphi abantu abaza kubakho.

Ukuba ziyafikelelwa ezi mfaneleko zilandelayo kunokusekwa iqela: (1) Ukuba kukho abavakalisi okanye abantu abanomdla abaziqonda kakuhle iindaba ezilungileyo ngolo lwimi. (2) Ukuba kukho umdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo esinokukhokela size siqhube intlanganiso enye ubuncinane ngeveki. (3) Ukuba iqumrhu labadala liyavuma ukuxhasa elo qela. Xa zifikelelwe zonke ezi mfaneleko, abadala bafanele bazise iofisi yesebe ukuze laziwe ngokusemthethweni elo qela lize lifumane ulwalathiso olungakumbi.

Inkoliso yamaqela iqalisa ngokuba neSifundo Sencwadi Sebandla veki nganye. Kamva, abadala basenokugqiba kwelokuba kongezelelwe ezinye iintlanganiso, ezinjengeNtetho Yesidlangalala neSifundo seMboniselo. Isabelo sesi-2, 3, nesesi-4 kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo zinokunikelwa kwenye iklasi ukuba ukho umdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo esithetha olo lwimi esinokuba ngumluleki. Noko ke, elo qela liya kuyiphulaphula nebandla intetho yokuyala, iimbalasane zeBhayibhile neNtlanganiso Yenkonzo. Kunokulungiselelwa intlanganiso yenkonzo yelo qela.

Le nkcazelo iya kusebenza nakumaqela akwanti enoba akwintsimi yebandla okanye kwintsimi engabelwanga bani. Kuya kuba kuhle ukuba la maqela anyanyekelwe ngamabandla akufutshane, ukuba kunokwenzeka.

Bonke abo bakwelo qela basebenza phantsi kolwalathiso lwequmrhu labadala. Abadala bafanele balungelelane baze bazikhuthalele iimfuno zeqela. Xa etyelele ibandla elinyamekela elo qela, umveleli wesiphaluka uya kulungiselela ukuba asebenze nalo entsimini ukuze alakhe ngokomoya. Ngenxa yentsikelelo kaYehova, ekuhambeni kwexesha, elo qela linokuba libandla.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share