Umsebenzi Oxhaswa NguThixo
1 Namhlanje bambalwa abakhonzi bakaThixo abafundileyo, abazizityebi okanye ababalulekileyo kule nkqubo yezinto. Ngenxa yeso sizathu, abanye abantu babujongela phantsi ubulungiseleli bethu. (Isa. 53:3) Noko ke, umsebenzi wokufundisa ngeBhayibhile esiwenzayo uye wazisa ithemba nentuthuzelo kwizigidi zabantu ehlabathini jikelele. Baye bakwazi njani ukufumana imiphumo emihle ngolo hlobo abantu abangabalulekanga? Baye bakwazi ngenxa yokuxhaswa nguThixo. (Mat. 28:19, 20; IZe. 1:8) “UThixo wanyula izinto ezibuthathaka zehlabathi,” watsho njalo umpostile uPawulos, “ukuze azihlazise izinto ezomeleleyo.”—1 Kor. 1:26-29.
2 Inkoliso yabapostile namaKristu enkulungwane yokuqala ‘yayingabantu abangafundanga nabaqhelekileyo.’ (IZe. 4:13) Nangona kwakunjalo, baluphumeza ngenzondelelo uthumo lwabo lokushumayela iindaba ezilungileyo, yaye uYehova wabasikelela ngemigudu yabo. Phezu kwayo nje imiqobo nenkcaso, ‘ilizwi likaYehova lahlala likhula yaye lisoyisa ngendlela enamandla.’ Kwakungekho nto yayinokuwuthintela umsebenzi kuba wawuxhaswa nguThixo. (IZe. 5:38, 39; 19:20) Kuye kwaba njalo nakula maxesha. Nkqu nenkcaso evela kubalawuli abanamandla ayikhange ikwazi ukuthintela ukwanda kweendaba ezilungileyo.—Isa. 54:17.
3 Lonke Uzuko Luya KuThixo: Ngaba ilungelo elikhethekileyo esinalo lokuba ngabalungiseleli bakaThixo lisinika isizathu sokuqhayisa? Nakanye. Ebhekisela kubulungiseleli bamaKristu, uPawulos wathi: “Obu buncwane sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo, angabi ngawethu.” (2 Kor. 4:7) UPawulos wayeqonda ukuba wayekwazi ukuphumeza ubulungiseleli bakhe ngenxa yamandla awayewanikwe nguThixo.—Efe. 6:19, 20; Fil. 4:13.
4 Ngendlela efanayo nathi siyaqonda ukuba kungenxa ‘yoncedo oluvela kuThixo’ lento sikwaziyo ukushumayela. (IZe. 26:22) Ngokushumayela ehlabathini jikelele, uYehova usisebenzisa ngendlela ebalaseleyo ukuze anyikimise iintlanga—efuzisela umgwebo ongekude. (Hag. 2:7) Hayi indlela esinelungelo ngayo ‘ngokuba ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo’ kulo msebenzi wokuvuna uzukileyo!—1 Kor. 3:6-9.