Ukutya Kokomoya Ngexesha Elifanelekileyo
1. Uzaliseka njani uHezekile 36:29 namhlanje?
1 “Ndiza . . . kubiza ukudla okuziinkozo ndikwenze kuphuphume, yaye andiyi kubeka ndlala phezu kwenu,” lawo ngamazwi eNkosi enguMongami uYehova. (Hez. 36:29) Loo mazwi esiprofeto asebenza kubantu bakaThixo namhlanje. Xa sithetha ngokufuziselayo, uYehova uye wavelisela abantu bakhe intabalala yeenkozo ezinik’ ubomi. Ukutya kokomoya esiza kukufumana kwiindibano zesithili kukwenza kucace ngakumbi oku.
2. Uye wazisebenzisa njani uYehova iindibano zesithili ukuze aphake ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo?
2 Kwindibano eyayiseColumbus, eOhio, ngowe-1931, uYehova walathisa abalandeli bakhe ukuba bamkele igama elitsha elithi—AmaNgqina kaYehova. (Isa. 43:10-12) Ngowe-1935 isihlwele esikhulu ekuthethwa ngaso kwiSityhilelo 7:9-17 sachazwa kakuhle. Ngowe-1942, uMzalwan’ uKnorr wanikel’ intetho eyayinomxholo othi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Luhleli?” Loo ntetho yakhuthaza umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke kwaza kwasekwa neSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi. Nangona iindibano ezithile zingalibaleki msinya, nganye yazo ibiba sisihikahika setafile yokomoya elungiselelwe ngexesha elifanelekileyo.—INdu. 23:5; Mat. 24:45.
3. Simele senze ntoni ukuze singenelwe kukutya kokomoya kwindibano yesithili?
3 Ngaba Utya Ngokwaneleyo? Singanentabalala yokutya kodwa sibe singondlekanga ukuba asikutyi. (IMize. 26:15) Kukwanjalo nangokutya kokomoya. Kwiindibano ezithile, kukho abantu abehla benyuka ezipasejini okanye abathetha nabanye ngoxa kuqhubeka ucwangciso. Ngoxa ulwalamano olwakhayo iyinxalenye ebalulekileyo yendibano, ixesha lalo lingaphambili nasemva kocwangciso. (INtshu. 3:1, 7) Ukuba asiphulaphulanga, sisenokuphoswa yingongoma ebalulekileyo. Abaveleli bamasebe endibano nabanye abazalwana abanezabelo maxa wambi basenokuba nezinto abafuna ukuzixubusha ngoxa kuqhubeka ucwangciso. Ngapha koko, bafanele bamisele umzekelo ngokunikela ingqalelo kucwangciso. Akukho nokuba abe mnye kuthi ofanele aphoswe kuko nakuphi na ukutya kokomoya esikulungiselelweyo.—1 Kor. 10:12; Fil. 2:12.
4. Singabonisa njani ukuba sinombulelo ngamalungiselelo okomoya asenzela wona uYehova?
4 Hayi indlela esivuyisa ngayo inyaniso yokomoya asilungiselele yona uYehova, ngokwahlukileyo kwiimfundiso zeNgqobhoko ezibubuxoki! (Isa. 65:13, 14) Enye indlela ‘esinokuba nombulelo ngayo’ kukuyijonga indibano njengesihlandlo sokufundiswa nguYehova. (Kol. 3:15) Khangela ngaphaya kwabazalwana abanikela iintetho, uze izinto abazifundisayo uzijonge njengezivela ‘kuMyaleli wethu Ozukileyo.’ (Isa. 30:20, 21; 54:13) Nikela ingqalelo ekhethekileyo. Bhala iingongoma eziziintloko. Yenza impinda yeembalasane zocwangciso ngengokuhlwa nganye. Kusebenzise oko ukufundayo.
5. Ziziphi izizathu esinazo zokuvuya kwindibano yesithili?
5 Indibano nganye eqhutywayo ngaphambi kweArmagedon, enoba iqhutyelwa kwiinkampu zeembacu, kwilizwe ekugquba imfazwe kulo okanye eliseluxolweni, luloyiso kuSathana! Njengabazalwana abamanyeneyo, siyasivuyela isihlandlo sokuhlanganisana ndawonye kwiindibano zesithili. (Hez. 36:38) Sinentembelo yokuba kwakhona uYehova uya kusilungiselela “umlinganiselo wokutya ngexesha elifanelekileyo.”—Luka 12:42.
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
Bonisa Uxabiso Ngetafile KaYehova
◼ Nikela ingqalelo
◼ Bhala amanqaku
◼ Yenza impinda yocwangciso ngengokuhlwa nganye
◼ Kusebenzise oko ukufundileyo