Inkangeleko Entle Nencomekayo
1. Xa silungiselela indibano yesithili kutheni sifanele sinikele ingqalelo kwinkangeleko yethu?
1 Kwenye indibano yesithili kunyaka ophelileyo, ummeli wehotele wathi ngabazalwana noodade: “AmaNgqina kaYehova angabantu abachubekileyo! Angabantu abanobubele, abanxiba kakuhle nabanentlonelo.” Kwenye indibano, umsebenzi wasehotele wathi: “Kucace nakuthathatha ukuba abantu benu bangabakhonzi bakaThixo.” Ewe, abo babeze endibanweni bakhelw’ umkhanya ngabanye. Sifuna ukunxiba “ngendlela efanele iindaba ezilungileyo,” yaye ngokuqhelekileyo oku kuyabachukumisa abantu abangengomaNgqina yaye kwenza kucace ukuba singabalungiseleli bakaThixo. (Fil. 1:27) Njengoko silungiselela indibano yesithili, kufanelekile ukuba sicinge ngenkangeleko yethu.
2. Kutheni kulucelomngeni nje ukunxiba nokuzilungisa ngendlela enyulu?
2 Umfundi uYakobi wabhala wathi: “Ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu.” (Yak. 3:17) Kunokuba lucelomngeni ukuba nyulu kwinkangeleko yethu. Ihlabathi likaSathana elinemilinganiselo ephantsi liphembelela abantu ukuba banxibe ngendlela engandilisekanga, evuselel’ inkanuko necel’ injezu. (1 Yoh. 2:15-17) Ngenxa yoko, xa sicinga ngendlela yokunxiba nokuzilungisa, kufuneka sithobele isiluleko seBhayibhile esithi “sizilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi size siphile ngengqondo ephilileyo . . . phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.” (Tito 2:12) Asifuni kukhubekisa abanye ngendlela esinxiba ngayo, enoba ngabazalwana bethu, abasebenzi basehotele, abeevenkile zokutyela okanye ngabantu nje.—1 Kor. 10:32, 33.
3. Yiyiphi imibuzo eya kusinceda siyibek’ esweni imbonakalo yethu?
3 Isinxibo Esindilisekileyo, Nesilungiswe Kakuhle: Xa ulungiselela ukuya endibanweni, zibuze oku: ‘Ngaba impahla yam indilisekile, okanye indibizela amehlo ngokungeyomfuneko? Ngaba ibonisa ukuba ndiyazihlonela iimvakalelo zabanye? Ngaba iblawuzi yam ivuleke kakhulu ngasentla okanye imfutshane kakhulu? Ngaba iilokhwe zam ziveza umzimba okanye ziyandibamba? Ngaba impahla yam icocekile yaye ayinavumba libi? Emva kocwangciso, ngaba inkangeleko yam iza kuba yecocekileyo efanele umlungiseleli, okanye ngaba ndiza kunxiba izinto zefashoni, ezixazalala ngendlela engamfanelanga umntu oze endibanweni nonxibe ibheji? Ngaba impahla endiza kuyinxiba emva kwendibano iza kundenza ndibe neentloni zokunikela ubungqina obungacwangciswanga?’—Roma 15:2, 3; 1 Tim. 2:9.
4. Bangasinceda njani abanye sinxibe ngendlela enesidima?
4 Angasinceda amacebiso amaKristu aqolileyo. Abafazi bafanele babuze abayeni babo ukuba ayisayi kubakhubekisa na abanye inkangeleko yabo. Abazali aboyika uThixo bangabanceda abantwana babo abakwishumi elivisayo kule nkalo. Ukongezelela koko, oodade abasele beqinile nabandilisekileyo ‘banokubabuyisela ezingqondweni abafazana babe ngabaphilileyo kwinkangeleko yabo ukuze ilizwi likaThixo lingatshabhiswa.’ (Tito 2:3-5) Iimpapasho zethu zinemifanekiso emihle, ebonisa isinxibo esindilisekileyo.
5. Singamdumisa njani uYehova ngexesha lendibano?
5 Zukisa UYehova: Iindibano zesithili zisivulela amathuba okudumisa uYehova xa sisonke, kungekuphela nje abo baza kuba nenxaxheba kucwangciso. Kakade ke, intetho nehambo yethu yobuKristu iza kumzukisa. Into yokuqala abayibonayo abanye abantu sisinxibo nendlela esizilungise ngayo. Ngamana sonke singazukisa uYehova ngembonakalo yethu enyulu nencomekayo.—INdu. 148:12, 13.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Izinto Eziya Kusinceda Sikhangeleke Ngendlela Encomekayo
◼ ILizwi LikaThixo
◼ Ukuzihlolisisa
◼ Izimvo zabanye abantu
◼ Iimpapasho ZamaKristu