Ukunyamezela Kunomvuzo
1 “Ngokunyamezela kwenu niya kuyizuza imiphefumlo yenu.” (Luka 21:19) Loo mazwi, ayinxalenye yesiprofeto sikaYesu esiphathelele ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto,’ ayibeka icace into yokuba simele silungele ukujamelana neemvavanyo ezininzi xa sigcina ingqibelelo yethu. Kodwa ngamandla kaYehova, ngamnye wethu ‘unokunyamezela kude kube sekupheleni’ aze ‘asindiswe.’—Mat. 24:3, 13; Fil. 4:13.
2 Intshutshiso, impilo, ubunzima bemali, nokunxunguphala ngokweemvakalelo kunokwenza suku ngalunye lube ngumnqantsa. Sekunjalo, singaze silibale ukuba uSathana uzama ukwaphula ingqibelelo yethu kuYehova. Suku ngalunye esihlala sithembekile ngalo kuBawo wethu lolunye usuku esifak’ isandla ngalo kwimpendulo enikelwa kucelomngeni loMngcikivi. Hayi indlela okuvuza ngayo ukwazi ukuba “iinyembezi” zethu ezibangelwa ziimvavanyo azilityalwanga! Zixabisekile kuYehova, yaye ingqibelelo yethu iyayivuyisa intliziyo yakhe!—INdu. 56:8; IMize. 27:11.
3 Ukusulungekiswa Ziimvavanyo: Inkxwaleko inokubonisa ubuthathaka bokholo okanye iimpawu ezibangelwa kukungafezeki, njengekratshi okanye ukungabi namonde. Kunokuzama ukuphepha iimvavanyo okanye ukuziphelisa ngendlela engeyoyaZibhalo, simele sithobele isiluleko esiseLizwini likaThixo sokuba ‘unyamezelo lwethu malupheleliswe.’ Kutheni sisitsho? Ngenxa yokuba ukunyamezela izilingo sithembekile kusinceda sibe ‘ngabapheleleyo nabaphilileyo kwiinkalo zonke.’ (Yak. 1:2-4) Ukunyamezela kunokusinceda sihlakulele iimpawu ezixabisekileyo, ezifana nokuba nengqiqo, uvelwano nenceba.—Roma 12:15.
4 Umlinganiselo Ovavanyiweyo Wokholo: Xa sinyamezela iimvavanyo, sifumana umlinganiselo ovavanyiweyo wokholo oxabiseke kakhulu emehlweni kaThixo. (1 Pet. 1:6, 7) Ukholo olunjalo lusixhobisela ukuba sihlale siqinile ukutyhubela iimvavanyo zexa elizayo. Ngaphezu koko, sinokumkholisa uThixo, yaye oku komeleza ithemba esinalo, kulwenze lube lelokwenene ngakumbi kuthi.—Roma 5:3-5.
5 Owona mvuzo wokunyamezela esiza kuwufumana ngulowo uchazwe kuYakobi 1:12, othi: “Unoyolo umntu oqhubeka enyamezela isilingo, ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi.” Ngoko ke, masihlale siqinile kuzinikelo lwethu kuYehova, siqinisekile ukuba uya kubavuza ngokwenene abo “baqhubeka bemthanda.”