Uncedo Lwakho Luyafuneka
1 “Sibamba ngazibini ngenkonzo yenu. Ngokwenene niyasinceda.” La magqabaza awuchaza kakuhle umbulelo esinawo ngabadala nezicaka zolungiselelo esinazo. Njengoko intlangano kaThixo iqhubeka ikhula, amadoda aqolileyo ahlala efuneka ukuze akhonze kumabandla aphantse abe li-100 000 ehlabathini jikelele. Ukuba ungumzalwana obhaptiziweyo, uncedo lwakho luyafuneka.
2 ‘Ukuzabalazela’ Ukufaneleka: Unokwenza njani ukuze ufanelekele amalungelo enkonzo ongezelelekileyo? (1 Tim. 3:1) Misela umzekelo omhle kuzo zonke iinkalo zobomi bakho. (1 Tim. 4:12; Tito 2:6-8; 1 Pet. 5:3) Wukhuthalele umsebenzi wokushumayela, uze uncede nabanye bawenze. (2 Tim. 4:5) Yiba nomdla wokwenene kwimpilo-ntle yamanye amakholwa. (Roma 12:13) Yiba ngumfundi okhutheleyo weLizwi likaThixo, uze uphucule ubuchule bakho ‘bokufundisa.’ (Tito 1:9; 1 Tim. 4:13) Zenze kakuhle izabelo abakuphathisa zona abadala. (1 Tim. 3:10) Ukuba uyintloko-ntsapho, ‘yongamele kakuhle indlu yakho.’—1 Tim. 3:4, 5, 12.
3 Ukukhonza njengomdala okanye isicaka solungiselelo kufuna ukuzibhokoxa nomoya wokuzincama. (1 Tim. 5:17) Njengoko uzabalazela ukufaneleka, ngokuthobeka zimisele ukukhonza abanye. (Mat. 20:25-28; Yoh. 13:3-5, 12-17) Camngca ngesimo sengqondo sikaTimoti uze uzame ukusixelisa. (Fil. 2:20-22) Mxelise ngokuvumela ihambo yakho entle ikuncomele. (IZe. 16:1, 2) Njengoko uhlakulela iimpawu zokomoya ezifunekayo ukuze usingathe iimbopheleleko ezingakumbi yaye usebenzisa nasiphi na isiluleko osifumanayo ukuze uphucule, ‘ukuhambela kwakho phambili kuya kubonakala kubantu bonke.’—1 Tim. 4:15.
4 Bazali, Qeqeshani Abantwana Ukuze Bancede: Abantwana bangafunda ukunceda beselula. Bafundiseni ukuphulaphula kwiintlanganiso, ukushumayela, nokuba baziphathe kakuhle xa bekwiHolo yoBukumkani nasesikolweni. Bafundiseni ukuba babandakanyeke xa kuncedwa abanye, njengaxa kucocwa iHolo yoBukumkani, kuncedwa abo sele bekhulile nakwezinye iinkalo. Bavumeleni bangcamle uyolo lokupha. (IZe. 20:35) Olo qeqesho lunokubaxhobisela ukuba babe ngoovulindlela, izicaka zolungiselelo nabadala bangomso.