IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/05 iphe. 1
  • Icandelo 9: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Icandelo 9: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Singabanceda Njani Abantu Bazenze Izinto Esiziyalelwe NguKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 5/05 iphe. 1

Icandelo 9: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela

Ukuxhobisa Izifundo Ukuba Zishumayele Ngokungacwangciswanga

1 Xa uAndreya noFilipu baqondayo ukuba uYesu wayenguMesiya othenjisiweyo, abazange bakwazi ukuzibamba, kodwa baxelela abanye ezi ndaba zibangel’ imincili. (Yoh. 1:40-45) Kunjalo nanamhlanje, njengoko abantu abafundelwayo beqalisa ukuba nokholo kwizinto abazifundayo, abakwazi ukungathethi ngazo. (2 Kor. 4:13) Singabakhuthaza njani ukuba bashumayele ngokungacwangciswanga baze bakwenze ngendlela ephumelelayo oko?

2 Usenokusibuza isifundo enoba siye sabaxelela abanye ngezinto esizifunde eBhayibhileni kusini na. Mhlawumbi kukho abahlobo namalungu entsapho esinokuwamema ukuba abekho xa nifunda. Sibuze enoba bakho kusini na kwabo sisebenza nabo, sifunda nabo esikolweni okanye abanye abantu esibaziyo abanomdla wokuva iindaba ezilungileyo. Ngale ndlela, sinokuqalisa ukushumayela. Sincede siqonde ukuba kufuneka sibe nengqiqo size sibe nentlonelo nobubele xa sixelela abanye ngoYehova uThixo neenjongo zakhe.—Kol. 4:6; 2 Tim. 2:24, 25.

3 Ukuxelela Abantu Ngeenkolelo Zazo: Kubaluleke kakhulu ukuqeqesha izifundo zisebenzise iLizwi likaThixo xa zixelela abantu ngeenkolelo zazo. Kwiingongoma ezithile kwisifundo senu, sibuze: “Unokuyisebenzisa njani iBhayibhile ukuze ucacisele intsapho yakho ngale nyaniso?” okanye “Sisiphi iSibhalo esingqina oku onokumbonisa sona umhlobo wakho?” Phawula indlela esisabela ngayo, uze usibonise indlela esinokuyisekela kwiZibhalo ngayo imfundiso yaso. (2 Tim. 2:15) Xa usenjenjalo, uya kube usilungiselela ukuba sishumayele ngokungacwangciswanga, yaye xa sifaneleka, usilungiselela ukuba siye entsimini nebandla.

4 Kububulumko ukuxhobisa izifundo ukuba zikwazi ukujamelana nentshutshiso. (Mat. 10:36; Luka 8:13; 2 Tim. 3:12) Xa abanye bebuza imibuzo okanye bethetha ngamaNgqina kaYehova, oku kusenokuvulela izifundo indlela yokushumayela. Incwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo? inokuzixhobisela ukuba “zikulungele ukuzithethelela.” (1 Pet. 3:15) Inenkcazelo echanileyo enokusetyenziswa ngabo basebatsha ukunceda abahlobo abangabuzi ngenjongo embi ukuba baqonde iinkolelo zethu nomsebenzi wethu osekelwe eBhayibhileni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share