Ucwangciso Lwentsapho—Iintlanganiso Zebandla
1 Njengomzali ongumKristu, ufuna abantwana bakho bamthande baze bamkhonze uYehova bakukhula, yaye ekugqibeleni ufuna bafumane ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo. Unokubanceda njani babeke ukunqula uYehova kwindawo yokuqala ebomini? Undoqo ngumzekelo owumiselayo. (IMize. 20:7) Ekhumbula umzekelo owamiselwa ngumama wakhe ongumKristu, omnye udade wathi: “Asikaze siyithandabuze nakancinane into yokuba siyaya okanye asiyi kwiintlanganiso.” Loo nto yahlala engqondweni yakhe.
2 Ngaba intsapho yenu iyakuqonda ukubaluleka kweentlanganiso zebandla? Imfundiso esiyifumana kwezi ntlanganiso iyasomeleza ukuba siqhubeke sisenza ukuthanda kukaThixo, kwaye ubudlelane esiba nabo nabazalwana bethu bulukhuthazo olungathethekiyo. (Isa. 54:13; Roma 1:11, 12) Noko ke, eyona njongo yezi ntlanganiso kukudumisa uYehova “phakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo.” (INdu. 26:12) Iintlanganiso zamaKristu zisinika ithuba lokubonisa ukuba siyamthanda uYehova kwaye sifumana nethuba lokumnqula.
3 ‘Hlalani Niphaphe Ngokungqongqo’: Ukuyiqonda injongo engcwele yeentlanganiso zethu kuya kusenza ‘sihlale siphaphe ngokungqongqo’ ukuze singakwenzi umkhwa ukuphoswa ziintlanganiso ngenxa yezinto ezingabalulekanga. (Efe. 5:15, 16; Heb. 10:24, 25) Xa nisenza ucwangciso lwentsapho yenu, ninokuqala ngokubhala amaxesha eentlanganiso. Emva koko, qinisekani ukuba akukho nto niyivumelayo ukuba iphazamisane nazo.
4 Ngaba asichukumiseki xa sifunda ngabazalwana bethu aboyisa imiqobo emininzi ukuze babekho kwiintlanganiso nakwiindibano? Nangona imeko yenu isenokuba ayimbi kangako, kusenokwenzeka ukuba ikho yona imiqobo. USathana wenza kube nzima nangakumbi ukuba abantu bakaThixo bamnqule. Kodwa ke siyakuqinisekisa ukuba abantwana bakho baya kukubona ukuzimisela kwentsapho yakho ukubakho kwiintlanganiso zebandla. Ngokwenjenjalo, unokubashiyela ilifa lokomoya abangayi kulilibala.