IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/05 iphe. 3
  • Sinokunceda Njani?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sinokunceda Njani?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayanceda Xa Kukho Intlekele?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • ‘Isipho Esinikelwa Ngesandla KuYehova’
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Umsebenzi Wokunceda Abanye
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Indlela Yokuncedisa Emva Kokuba Kwehle Intlekele
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2023
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 11/05 iphe. 3

Sinokunceda Njani?

1 Umbuzo othi “Sinokunceda njani?” udla ngokubuzwa ngamaNgqina kaYehova xa esiva ukuba kuye kwehla intlekele kwindawo ethile. Njengoko IZenzo 11:27-30 zibonisa, amaKristu enkulungwane yokuqala abanceda abazalwana bawo ababehlala kwelakwaYuda nababethwaxwa yindlala.

2 Kutshanje, intlangano igunyazise ukuba kuxhaswe ngemali ukuze kuncedwe abantu abaye bathwaxwa ziintlekele zemvelo okanye ezibangelwe ngabantu.

3 Ngokomzekelo, kunyaka ophelileyo abazalwana abaninzi baye banikela ukuze kuncedwe abo bathwaxwe yitsunami kuMzantsi Asia. Le minikelo isuk’ entliziyweni nethunyelwe kwingxowa-mali yentlangano yokunceda ixatyiswe gqitha. Noko ke, xa iminikelo ithunyelelwe intlekele ethile, kwamanye amazwe kuye kufuneke ukuba loo mali isetyenziselwe loo ntlekele kwisithuba sexesha elithile enoba iimfuno zabazalwana basekuhlaleni zinjani na.

4 Ngenxa yoko, sincomela ukuba iminikelo yokunceda niyifake kumsebenzi owenziwa ehlabathini. Le mali isetyenziselwa ukunceda nokunyamekela iimfuno zamaKristu. Ukuba ngenxa yezizathu ezithile kukho umntu ongathanda ukunikela kwingxowa-mali yokunceda kungekhona kumsebenzi owenziwa ehlabathini, uya kwamkelwa umnikelo wakhe uze usetyenziswe naphi na apho uya kunceda khona. Noko ke, siya kuyixabisa into yokuba xa ninikela ningatsho ukuba isetyenziswe phi yaye njani loo minikelo.

5 Xa sithumela iminikelo yethu kumsebenzi owenziwa ehlabathini, loo nto iya kwenza ukuba kubekho imali engakumbi esetyenziselwa zonke iinkalo zomsebenzi woBukumkani kunokuba igcinelwe ukunceda kuphela. Oku kuyavisisana noko kuthethwa yeyabase-Efese 4:16, ethi masisebenzisane ukuze sinikele ngoko kufunekayo uze ‘umzimba ukhule yaye wakheke eluthandweni.’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share