(1) Buza Umbuzo, (2) Ufunde ISibhalo Uze (3) Umbonise Isahluko
Indlela elula yokuhambisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? (1) kukubuza umbuzo ofuna izimvo, (2) ukufunda isibhalo esifanelekileyo (3) nokumbonisa isahluko sale ncwadi esixubusha loo mbandela ngokufunda imibuzo etshayelelayo ephantsi komxholo wesahluko. Ukuba umninimzi unomdla, unokukwazi ukumbonisa indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile ngokusebenzisa iziqendu zokuqala zeso sahluko. Le ndlela inokusetyenziswa ukuze kuqaliswe izifundo kutyelelo lokuqala okanye xa ubuyela.
◼ “Ucinga ukuba inokwenzeka into yokuba abantu bamazi uMdali wethu ongusomandla ngale ndlela kuchazwe ngayo eBhayibhileni?” Funda IZenzo 17:26, 27, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 1.
◼ “Kwezi ngxaki zingaka sijongene nazo kule mihla, ucinga ukuba kunokwenzeka ukuba sifumane intuthuzelo nethemba elichazwe apha?” Funda eyabaseRoma 15:4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 2.
◼ “Ukuba bekusemandleni akho, ngaba ubunokulwenza olu tshintsho?” Funda ISityhilelo 21:4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko mbonise isahluko 3.
◼ “Ucinga ukuba abantwana bethu baya kuze baphile kwezi meko zichazwe kule ngoma yamandulo?” Funda INdumiso 37:10, 11, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 3.
◼ “Ucinga ukuba aya kuze azaliseke la mazwi?” Funda uIsaya 33:24, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 3.
◼ “Ngaba wakha wazibuza enoba abafi bayayazi kusini na into eyenziwa ngabaphilayo?” Mnike ithuba lokuphendula. Emva koko, funda INtshumayeli 9:5, uze umbonise isahluko 6.
◼ “Ucinga ukuba siya kuze sizibone izihlobo nezalamane ezafayo, njengoko uYesu ebonisa kwezi ndinyana?” Funda uYohane 5:28, 29, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 7.
◼ “Ngendlela obona ngayo, kunokwenzeka njani ukuthanda kukaThixo emhlabeni ngendlela okwenzeka ngayo ezulwini, njengoko kukhankanywe kulo mthandazo udumileyo?” Funda uMateyu 6:9, 10, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 8.
◼ “Ucinga ukuba sele siphila kwixesha elichazwe kwesi siprofeto?” Funda eyesi-2 kuTimoti 3:1-4, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 9.
◼ “Abantu abaninzi bayazibuza isizathu sokuba iingxaki zoluntu ziye zisiba mandundu. Ngaba wakha wacinga ngale ngcaciso ichazwe apha?” Funda ISityhilelo 12:9, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 10.
◼ “Ngaba wakha wazibuza umbuzo ofana nalo?” Funda uYobhi 21:7, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 11.
◼ “Ucinga ukuba ukusebenzisa eli cebiso livela eBhayibhileni bekuya kubanceda abantu bonwabe ezintsatsheni zabo?” Funda eyabase-Efese 5:33, uze umnike ithuba lokuphendula. Emva koko, mbonise isahluko 14.
Unokuqalisa ukufaka isifundo seBhayibhile kwingxelo yakho yentsimi wakube usiqhube kabini emva kokuba nenze ilungiselelo lesifundo naxa unesizathu sokucinga ukuba eso sifundo siya kuqhubeka.