IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/06 iphe. 8
  • Fundisa Abalulamileyo Ukuba Bahambe Ngendlela KaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Fundisa Abalulamileyo Ukuba Bahambe Ngendlela KaThixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Singabanceda Njani Abantu Bazenze Izinto Esiziyalelwe NguKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • “Hambani Niyokubenza Abafundi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Nikela Ingqalelo Rhoqo Kwimfundiso Yakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Xelisa UYesu—Ufundise Ngothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 3/06 iphe. 8

Fundisa Abalulamileyo Ukuba Bahambe Ngendlela KaThixo

1. Yintoni ebandakanyekileyo ekwenzeni abafundi?

1 Abafundi bakaKristu benkulungwane yokuqala babesaziwa njengabantu ‘beNdlela.’ (IZe. 9:2) Ukuba ngumKristu wokwenyaniso kuthetha ukuguqula yonke indlela ubani abephila ngayo. (IMize. 3:5, 6) Ngoko ke, xa siqhuba izifundo zeBhayibhile, sifanele senze okungakumbi kunokufundisa nje ulwazi oluchanileyo lweemfundiso zeBhayibhile. Simele sincede izifundo zethu zihambe ngendlela kaYehova.—INdu. 25:8, 9.

2. Yintoni enokushukumisela isifundo seBhayibhile ukuba sigcine imithetho kaThixo?

2 Ukuthanda UYehova NoYesu: Kunzima ngokwenene kubantu abangafezekanga ukuba bacinge, babe nesimo sengqondo, bathethe baze baziphathe ngendlela evisisana nokuthanda kukaThixo! (Roma 7:21-23; Efe. 4:22-24) Noko ke, ukuthanda uThixo noNyana wakhe kushukumisela abalulamileyo ukuba bakwenze oku nangona kulucelomngeni. (Yoh. 14:15; 1 Yoh. 5:3) Sinokuzinceda njani izifundo zethu zeBhayibhile ukuba zihlakulele olu thando?

3. Sinokuzinceda njani izifundo zimthande ngakumbi uYehova noYesu?

3 Sincede isifundo sakho simazi uYehova ukuba ungumntu onjani. Omnye umzalwana wathi, “Abantu abanakukwazi ukuthanda umntu abangamaziyo, ngoko kwasekuqaleni kwesifundo, ndibafundisa igama likaThixo eBhayibhileni, ndize ndikhangele amathuba okubalaselisa iimpawu zikaYehova.” Ukubalaselisa umzekelo kaYesu yeyona ndlela esinokukwenza ngayo oko. (Yoh. 1:14; 14:9) Ukongezelela koko, sebenzisa ibhokisi yempinda xa niqukumbela isahluko ngasinye sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ukuze uncede isifundo sicamngce ngeempawu ezintle zikaThixo noNyana wakhe.

4. (a) Kutheni izifundo ezininzi zikufumanisa kunzima ukushumayela? (b) Sinokuzinceda njani izifundo zethu xa zisiya okwesihlandlo sokuqala entsimini?

4 Fundisa Ngomzekelo: Njengabafundisi nabakhokeli, sibonisa abanye ngezenzo zethu oko kuthethwa kukuhamba endleleni kaThixo. (1 Kor. 11:1) Ngokomzekelo, izifundo ezininzi azikuqhelanga ukuya kumntu ezingamaziyo zize zithethe naye ngeenkolelo zazo. Ngoko ke, kusenokufuna umonde nobuchule ukuzinceda zihlakulele uthando, ukholo nenkalipho ukuze zibe nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. (2 Kor. 4:13; 1 Tes. 2:2) Umnqweno wethu wokukhokela izifundo zethu uya kusishukumisela ekubeni sizixhase size sihambe nazo xa zisiya kwinkonzo yasentsimini yamaKristu okwesihlandlo sokuqala.

5. Umzekelo omhle uzinceda njani izifundo zibone oko kubandakanyekileyo ekulandeleni imithetho kaThixo?

5 Umzekelo wakho unokuzifundisa izifundo ezinye iinkalo ezibalulekileyo zokuphila njengomKristu. Xa utyelela abagulayo okanye ubulisa abanye ngobubele kwiintlanganiso zamaKristu, ziyazibona izenzo zakho zothando. (Yoh. 15:12) Xa unenxaxheba ekucoceni iHolo yoBukumkani okanye unceda abanye, uzifundisa indlela yokukhonza abanye. (Yoh. 13:12-15) Xa zibona ukuba uphila ubomi obulula, ziyakubona oko kuthethwa ‘kukuqhubeka ufuna kuqala ubukumkani.’—Mat. 6:33.

6. Uba yintoni umphumo xa sinceda abalulamileyo bakhonze uYehova?

6 Umsebenzi wokufundisa abanye iLizwi likaThixo nowokwenza abafundi ufuna umgudu. Kodwa kuvuyisa ngokwenene ukubona abalulamileyo ‘behamba enyanisweni’!—3 Yoh. 4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share