Ubulungiseleli Bethu—Umsebenzi Obonisa Imfesane
1 UYesu wabona ukuba izihlwele ezaziphulaphule isigidimi sakhe “zihlinzekile, zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.” (Mat. 9:36) Ngothando nangokuthantamisa, wazifundisa ngemilinganiselo kaYehova, wazithuthuzela waza ngemfesane wafeza iimfuno zazo zokomoya. Njengoko sicamngca ngeendlela zakhe, sifunda ukucinga nokuvakalelwa ngendlela awenza ngayo uYesu, yaye olu phawu lwemfesane luyabonakala kubulungiseleli bethu.
2 Khawukhe ucinge nje ngendlela uYesu awasabela ngayo xa abantu ababefuna uncedo beza kuye. (Luka 5:12, 13; 8:43-48) Waba nolwazelelelo kwabo baneemfuno ezikhethekileyo. (Marko 7:31-35) Waziqonda iimvakalelo zabanye waza wazixhalabela. Akazange abajongele phantsi ngenxa yembonakalo yabo. (Luka 7:36-40) Eneneni, uYesu wayibonisa ngokugqibeleleyo imfesane yoThixo wethu.
3 ‘Wabasizela’: UYesu akazange ashumayele nje kuba oko kwakungumsebenzi wakhe. ‘Wayebasizela’ abantu. (Marko 6:34) Ngokufanayo namhlanje, asidluliseli nje isigidimi kodwa sizama ukusindisa ubomi obuxabisekileyo. Zama ukuqonda isizathu sokuba abantu basabele ngendlela abenza ngayo. Kutheni benxunguphele nje? Ngaba baye abakhathalelwa okanye baqhathwa ngabalusi bonqulo lobuxoki? Ukuba nomdla onyanisekileyo kwabanye kunokubashukumisela ekubeni baziphulaphule iindaba ezilungileyo.—2 Kor. 6:4, 6.
4 Imfesane ichukumisa iintliziyo. Ngokomzekelo: Elinye ibhinqa lehlelwa yintlungu yokufelwa yintombi yalo eneenyanga ezintathu ubudala. Xa amaNgqina amabini ankqonkqoza emzini walo, lawacela ukuba angene ukuze liwapheke liwophula ngesizathu sokuba uThixo avumele ukubandezeleka. Noko ke, kamva eli bhinqa lathi: “Andiphulaphula ngemfesane, ibe athi naxa sel’ ehamba andishiya ndihlaziyeke kakhulu kangangokuba ndavuma ukuba aphinde abuye.” Ngaba uzabalazela ukuba nemfesane kuye nabani na odibana naye entsimini?
5 Ukuba nemfesane kuya kusinceda sikwazi ukuthuthuzela abanye. Xa sisenjenjalo, siya kuba sizukisa ‘uBawo onenceba,’ uYehova.—2 Kor. 1:3.