Iintshumayelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Aga. 15
“Singathanda ukwazi indlela ovakalelwa ngayo ngala mazwi athethwa nguYesu. [Funda uMateyu 5:5.] Xa esi sithembiso sizaliseka, ucinga ukuba iimeko emhlabeni ziya kuba njengokuba uzibona ngoku? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi libonisa ngokusuka eBhayibhileni indlela uYesu aya kuwuguqula ngayo umhlaba. Likwachaza nabantu abaza kube belapho.”
Vukani! Aga.
“Ngaba sinokuze siphinde sibabone abantu esibathandayo abafayo? [Mvumele aphendule.] Phawula oko kwathenjiswa nguYesu. [Funda uYohane 5:28, 29.] Eli nqaku lichaza ngokusuka eBhayibhileni ngoko kwenzekayo xa sisifa.” Mbonise inqaku eliqala kwiphepha 28.
IMboniselo Sept. 1
“Abantu abaninzi namhlanje abasenamdla kunqulo. Ucinga ukuba xa umntu ehamba icawa oko kumenza abe ngumntu obhetele? [Mvumele aphendule.] Phawula ukuba iBhayibhile yaprofeta ngoko abanye abantu baya kube bekukhangela kunqulo kule mihla yokugqibela. [Funda eyesi-2 kuTimoti 4:3, 4.] Eli phephancwadi lichaza indlela unqulo lokwenyaniso olumzukisa ngayo uThixo nendlela esinokuzuza ngayo.”
Vukani! Sept.
“Abantu abaninzi bayazibuza enoba ukukholelwa kuThixo kuyavumelana nezenzululwazi. Uthini wena? [Mvumele aphendule. Emva koko funda amaHebhere 13:4.] Lo Vukani! ukhethekileyo uchaza ubungqina obuye babangela ezinye izazinzulu zikholelwe kuMdali.”