IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 9/06 iphe. 1
  • Ileta Evela KwiSebe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ileta Evela KwiSebe
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ngaba Lo Unokuba Ngowona Msebenzi Uphambili Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ngaba Unokuzenza Ufumaneke?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Ukuyikhangela Ngoxabiso “Indlu KaThixo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 9/06 iphe. 1

Ileta Evela KwiSebe

Mvakalisi Othandekayo:

NgeCawa ka-Aprili 23, 2006 kuqhutywe indibano ekhethekileyo yosuku olunye yokuqala ngqa yentetho yezandla kwiHolo yoBukumkani yaseBheteli. Abavakalisi kunye nabantu abanomdla abangevayo kuquka nabo bafunde intetho yezandla beze bevela kuzo zonke iimbombo zeli loMzantsi Afrika kunye naseMozambiki, eNamibia, naseSwazini bezokuxhasa esi sihlandlo sibalulekileyo. Bonke baye bakuvuyela kakhulu ukunxulumana nabazalwana abavela kwiindawo ezahlukeneyo.

Ucwangciso lwakusasa beluphulaphulwe ngabangama-626. Inkqubela iyabonakala kwintsimi yentetho yezandla ibe sithethanje kukho amabandla amathathu namaqela angaphezu kwama-40 aphantsi kwesebe laseMzantsi Afrika.

Sifumene iingxelo ezintle eziphathelele inkxaso eqhutywa luthando enikelwe kumawaka abazalwana noodade abathwaxwe zizaqhwithi kwiGulf Coast yaseUnited States of America ngowama-2005.—Yoh. 13:35.

Abazalwana noodade abangaphezu kwama-8 000 abebesebenza phantsi kweeKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-60 baye banikela ngexesha, ubuchule nezinto zabo ukuze bancedise kulo msebenzi. Bancedise ekulungiseni iiHolo zoBukumkani ezingama-86 nemizi engama-4 178. Kusekho umsebenzi omele wenziwe kwezinye iiHolo zoBukumkani ezi-5 nemizi engama-722. Amatsha-ntliziyo ebevela kulo lonke elaseUnited States of America. Siwabulela ngokungazenzisiyo ngothando lwawo!—1 Tes. 5:18.

Siyanicela ukuba niqhubeke nibathandazela bonke aba bazalwana bathandekayo—abo bantlithwe zizaqhwithi kunye nabo babancedayo.—2 Kor. 1:11.

Abazalwana benu,

Iofisi Yesebe YaseMzantsi Afrika

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share