Nceda Abanye Babe Ngabahlobo BakaThixo
1 Namhlanje, abantu abavela kuzo zonke iintlanga bafundiswa iindlela zikaYehova. (Isa. 2:2, 3) Noko ke, ukuze abanjalo “bathwale isiqhamo ngonyamezelo,” bafanele bathande uYehova. (Luka 8:15; Marko 12:30) Ukuba abanalo olo thando, abayi kuba nawo amandla okumelana nempembelelo embi okanye inkalipho yokwenza okulungileyo. Enye indlela yokunceda abanye babe nolwalamano oluhle noYehova kukubenza bazixabise iimpawu zakhe. Bakhuthaze ukuba bacamngce ngenkcazelo ekwincwadi ethi Sondela KuYehova.
2 Umzekelo Wakho: Indlela ozenza ngayo izinto inokuba negalelo kakhulu kwizifundo zeBhayibhile. Xa zibona ukuba uyabuxabisa ubuhlobo bakho noYehova, kwaye zibona nendlela oko okubuchaphazela ngayo ubomi bakho, loo nto inokwenza ukuba nazo zifune ukuba nolwalamano olunjalo. (Luka 6:40) Eneneni, umzekelo esiwumiselayo unempembelelo enkulu kwabanye kunento esiyithethayo.
3 Eyona ndlela abazali ababafundisa ngayo abantwana babo ukuba bathande uYehova ngumzekelo abawumiselayo. (Dut. 6:4-9) Esinye isibini esasifuna ukukhulisa abantwana baso ngenyaniso sacela amacebiso kubazali abaphumeleleyo. Indoda yathi: “Kubazali abaninzi endathetha nabo ndafumanisa ukuba bancedwa ngumzekelo omhle abawumiselayo.” Ngoko, ngenxa yendlela abaphila ngayo, abazali banokumisela abantwana babo umzekelo woko kuthethwa kukuba “ngumhlobo kaYehova.”—Yak. 2:23.
4 Ukuthandaza Ngokunyaniseka: Enye indlela onokunceda ngayo abanye babe ngabahlobo bakaYehova kukubafundisa ukuthandaza ngokunyaniseka. Unokubachazela ngomthandazo kaYesu ongumzekelo, kwakunye neminye imithandazo yokunyaniseka eseZibhalweni. (Mat. 6:9, 10) Abantwana bakho nezifundo zeBhayibhile banokufunda kwindlela wena othandaza ngayo. Xa bekuva uthandaza ngokunyaniseka, banokuyibona indlela ovakalelwa ngayo ngoYehova. Bakhuthaze ukuba ‘bazingise emthandazweni’ xa bejamelene neemvavanyo. (Roma 12:12) Xa bebona uYehova ebanceda ngexesha lenkathazo, baya kumthemba baze bamthande njengomhlobo wenene.—INdu. 34:8; Fil. 4:6, 7.