IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/07 iphe. 1
  • Sonke Sinokuba Negalelo Ekwenzeni Abafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Sonke Sinokuba Negalelo Ekwenzeni Abafundi
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Lonke Ibandla Linokuzinceda Izifundo Zibhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Singabanceda Njani Abantu Bazenze Izinto Esiziyalelwe NguKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • “Hambani Niyokubenza Abafundi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 4/07 iphe. 1

Sonke Sinokuba Negalelo Ekwenzeni Abafundi

1 Umfundi akancedwa ngumntu omnye nje kuphela. UYehova unokusebenzisa bonke “abasebenzi abangamadlelane” akhe ukuba bancede izifundo zeBhayibhile zikhule ngokomoya. (1 Kor. 3:6-9) Sinceda ngamnye kwabasebatsha kungekhona ngamagqabaza asuka entliziyweni esiwenza kwiintlanganiso kuphela, kodwa nangehambo yethu entle, eba bubungqina obucacileyo bokuba umoya kaThixo uyasebenza ebomini bethu. (Yoh. 13:35; Gal. 5:22, 23; Efe. 4:22, 23) Yintoni enye enokwenziwa ukuze kuncedwe abasebatsha?

2 Njengebandla: Sonke sinokuba nomdla kwabo baqalisa ukuza kwiintlanganiso ngokubabulisa nangokuncokola nabo ngaphambi nasemva kwentlanganiso. Enye indoda yathetha yenjenje ngesihlandlo sokuqala eyaya ngaso kwiintlanganiso: “Ngosuku nje olunye ndadibana nabantu ababenobubele bokwenene endandiqala nokubabona, ibe babebaninzi kunabo ndandikhe ndadibana nabo kwicawa endandikhulele kuyo. Kwavela kwacaca nje ukuba ndifumene inyaniso.” Kwiinyanga ezisixhenxe emva kokuba iqalisile ukuya kwiintlanganiso, yabhaptizwa.

3 Sincome ngokunyaniseka isifundo xa sisenza inkqubela yokomoya. Ngaba sinyamezele inkcaso? Ngaba siza rhoqo kwiintlanganiso? Ngaba sikwazile ukuqweba isibindi sokuphendula kwiintlanganiso? Ngaba sibhalisile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo okanye siqalisile ukuya entsimini? Sincome ngenkqubela esiyenzileyo. Loo nto iya kusihlaziya ize isomeleze.—IMize. 25:11.

4 Njengomqhubi Wesifundo SeBhayibhile: Abanye abavakalisi baye bakwazi ukunceda izifundo zabo ukuba ziqhelane namanye amalungu ebandla ngokucela abanye abavakalisi ukuba bahambe nabo xa besiya kuqhuba isifundo. Mema isifundo sakho ukuba size kwiintlanganiso zebandla ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Xa siqalisa ukuza kwiintlanganiso, qiniseka ukuba usazisa kwamanye amalungu ebandla. Ngaba kunzima ukuba sahlukane nomkhwa ombi, onjengokutshaya? Ngaba kwikhaya laso kukho umntu oyichasileyo into yokufundelwa kwaso? Sinokuncedakala ngokuthetha nomvakalisi oye wajamelana nengxaki efanayo waza wayoyisa.—1 Pet. 5:9.

5 Abantu abasebatsha bafuna inkxaso yokomoya evela ebandleni. Wonk’ ubani unokubanceda benze inkqubela ngokuba nomdla onyanisekileyo kubo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share