Sonke Siyakhuthazana Elukholweni
1. Liliphi ithuba elikhethekileyo esilifumanayo xa sityelelwe ngabaveleli abahambahambayo?
1 Umpostile uPawulos wabhalela ibandla laseRoma wathi: “Ndilangazelela ukunibona, ndize ndininike isiphiwo esithile sokomoya ukuze niqiniswe; okanye, ukuze sikhuthazane elukholweni, olwenu kunye nolwam.” (Roma 1:11, 12) Utyelelo lwabaveleli abahambahambayo kumhla wethu lusinika ithuba lokukhuthazana elukholweni.
2. Kutheni utyelelo lomveleli wesiphaluka luchazwa kusengaphambili?
2 Ibandla: Ngokuqhelekileyo ibandla liye laziswe ngotyelelo lomveleli wesiphaluka phantse iinyanga ezintathu ngaphambi kokuba lufike. Oku kusinika ithuba lokuceba kusengaphambili ukuze sizuze ngokupheleleyo. (Efe. 5:15, 16) Ukuba uyasebenza, mhlawumbi unokukwazi ukuthatha ikhefu ukuze uye entsimini ebudeni baloo veki. Bambi baye bacebe ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngenyanga yotyelelo. Ukuba ubucebe ukubethwa ngumoya, ngaba akunakwenza uhlengahlengiso ukuze ubekho ngaloo veki?
3. Yintoni esinokuyenza ebudeni botyelelo ukuze sifumane ukhuthazo?
3 Eyona njongo yotyelelo lomveleli wesiphaluka kukukhuthaza nokuqeqesha ibandla entsimini. Kutheni ungaceli ukuhamba naye okanye inkosikazi yakhe ukuba utshatile? Umveleli wesiphaluka uyakuthanda ukuhamba nabavakalisi abahlukeneyo, kuquka nabo bangenamava okanye abangathanda ukuphucula ubuchule obuthile entsimini. Sonke singafunda kwindlela athetha ngayo entsimini size sisebenzise nawaphi na amacebiso anokusinika wona. (1 Kor. 4:16, 17) Ukummema ukuba afumane isidlo nawe kuya kuvula ithuba elingakumbi lokukhuthazana. (Heb. 13:2) Ekubeni iintetho zakhe zilungiselelwe iimfuno zebandla, phulaphula ngenyameko.
4. Sinokumkhuthaza njani umveleli wethu wesiphaluka?
4 Umveleli Wesiphaluka: Umpostile uPawulos wayefana nabazalwana awayebatyelela, naye wayeneengxaki kwaye enezinto ezimxhalabisayo, ibe wayekufuna ukukhuthazwa. (2 Kor. 11:26-28) Xa ibandla laseRoma leva ukuba uPawulos, owayelibanjwa, ekugqibeleni wayesiza apho, abanye baya kumhlangabeza kwiNdawo yeMarike ka-Apiyo—umgama oziikhilomitha ezingama-74! “Akubabona, uPawulos wambulela uThixo waza womelela.” (IZe. 28:15) Nawe unokumkhuthaza umveleli wesiphaluka sakho. Mnike “imbeko ephindiweyo” ngokuluxhasa ngehlombe utyelelo lwakhe. (1 Tim. 5:17) Kuxabise ngokunyaniseka oko akwenzela kona, uze umxelele loo nto. Yena nenkosikazi yakhe baya kuvuya njengoko bebona ukholo, uthando nonyamezelo lwakho.—2 Tes. 1:3, 4.
5. Kutheni sonke namhlanje sifuna ukhuthazo?
5 Kula “maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” ngubani phakathi kwethu ongalufuniyo ukhuthazo? (2 Tim. 3:1) Ceba ngoku ukuba nenxaxheba ngokupheleleyo kumsebenzi weveki ekhethekileyo. Sonke—abaveleli abahambahambayo nabavakalisi—sinokukhuthazana ngovuyo. Ngale ndlela siya ‘kuhlala sithuthuzelana yaye sisakhana.’—1 Tes. 5:11.