IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/07 iphe. 4
  • Musani Ukwala!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Musani Ukwala!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Lithethe Ilizwi LikaThixo Ngenkalipho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Bathabatheni Njengomzekelo Abaprofeti—UAmosi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Incwadi YeBhayibhile 30—Amosi
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Ukuphanziswa Kohlanga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 11/07 iphe. 4

Musani Ukwala!

1. Yiyiphi indlela ‘esingaliyo’ ngayo noko kulunge ebantwini?

1 Xa sikhuthalela ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, ‘asali’ noko kulunge kubantu abakwintsimi yethu. (IMize. 3:27) Awukho umyalezo obhetele esinikuwunika abantu kunalowo uchaza ngamaxesha oyolo azayo phantsi kolawulo lukaThixo. Nangona unokuba negalelo kakhulu ekushumayeleni ngethemba loBukumkani ngendlela engacwangciswanga okanye ngokuhambisa uncwadi, kutheni ungazibekeli usukelo lokuqhuba isifundo seBhayibhile, ukuba akukabi naso?

2. Yintoni enokusenza sale ukuqalisa isifundo seBhayibhile?

2 Maxa wambi, omnye weyona miqobo mikhulu yokuqhuba isifundo seBhayibhile yindlela esivakalelwa ngayo ngalo mba. Abanye baye bale ukuqhuba isifundo seBhayibhile kuba beziva bengafaneleki okanye kuba bexakekile. La macebiso alandelayo anokukunceda ungali ukuqhuba izifundo zeBhayibhile.—Mat. 28:19; IZe. 20:20.

3. Kutheni sifaneleka nje ukufundisa abantu ngeBhayibhile?

3 Ukungazithembi: Kungenzeka ukuba akufundanga kuyaphi okanye ke unesinye isizathu esikwenza ungazithembi ukuba uza kukwazi ukuqhuba isifundo. Abalungiseleli ababephumelela ngenkulungwane yokuqala ‘babengenamfundo yaye beqhelekile.’ Yintoni eyabenza bakwazi ukufundisa abanye inyaniso? “Babefudula bekunye noYesu.” (IZe. 4:13) Babefunde kuMfundisi Omkhulu, uYesu, ibe iimfundiso neendlela zakhe zigcinelwe thina kwiZibhalo ukuze sizisebenzise. Kwanokuba akufundanga kangako, imfundo yokomoya oyifumanayo ayinantanga.—Isa. 50:4; 2 Kor. 3:5.

4. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo ka-Amosi?

4 Maxa wambi uYehova wayesebenzisa abaprofeti ukuze akhalimele abalawuli okanye abantu abakwizikhundla eziphezulu. Abanye babo, abanjengoAmosi, babengathathi ntweni kwaye bengenamawonga. UAmosi wathi: “Ndandingengomprofeti, ndingenguye nonyana womprofeti; kodwa ndandingumalusi nomtheni wamakhiwane emithi yesikamore.” (Amosi 7:14) Noko ke, uAmosi akazange ale ukudlulisela umyalezo womgwebo kaYehova kumbingeleli owayenqul’ ithole uAmatsiya. (Amosi 7:16, 17) Simele sihlale siyikhumbula into yokuba senza umsebenzi kaThixo nokuba uya kusenza siwufanelekele umsebenzi asinike wona.—2 Tim. 3:17.

5. Kutheni sifanele sizame ukuqalisa isifundo seBhayibhile kwanokuba sixakekile?

5 Ukuxakeka: Kwanokuba ungumntu oxakekileyo, kusenokwenzeka ukuba sele uzibekele ixesha elithile oya ngalo entsimini. Ukuqhuba isifundo kunokuba yenye yezona zinto zimnandi entsimini. Kulilungelo ukubona iLizwi likaYehova litshintsha ubomi bomntu. (Heb. 4:12) UYehova uyavuya xa sincama izinto zethu ngenjongo yokuba sincede umntu ‘afikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Kwaneengelosi ziyavuya xa umntu eguquka kwikhondo lakhe langaphambili aze enze inkqubela yokomoya.—Luka 15:10.

6. Liliphi ilungelo esinalo ngokwenza ukuthanda kukaThixo?

6 UThixo ‘uthanda ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Elinjani lona ilungelo esinalo lokwenza ukuthanda kukaThixo, singali ukuqhuba izifundo zeBhayibhile!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share