Unako Ukuba Sisityebi!
1. Kutheni ufanele ucinge ngokuba nguvulindlela othe ngxi?
1 Ngaba ufuna ukuphila ubomi obunolonwabo nolwaneliseko? Ngaba kuyakuyolisa kuze kukwanelise ukunceda abanye abantu? Ngaba ufuna ukwandisa inkonzo oyinikela kuYehova? Ukuba impendulo yakho nguewe komnye wale mibuzo, ufanele ucinge ngenkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi. Kakade ke, sifanele sikhumbule ukuba kukho iimbopheleleko zentsapho nezo zichazwe kwiZibhalo, kunye neengxaki zempilo.
2. Chaza ubutyebi bokomoya obufunyanwa ngoovulindlela.
2 Amazwi aphefumlelweyo awabhalwa nguSolomon anxulumanisa intsikelelo kaYehova nobutyebi. (IMize. 10:22) Namhlanje, ubukhulu becala intsikelelo kaYehova ibangela ukuba abantu babe zizityebi ngokomoya. Oovulindlela abathe ngxi ngabona babufumanayo obo butyebi. Ngokomzekelo, bavuyiswa gqitha kukuncama “ixesha” labo ukuze bancede abanye abantu. (Kol. 4:5; IZe. 20:35) UYehova uyakubona yaye uyakuxabisa ukuzibhokoxa kwabo. Obo ‘buncwane basezulwini’ abusayi kuze buphelelwe lixabiso. (Mat. 6:20; Heb. 6:10) Ukongezelela koko, njengoko oovulindlela begcina ‘iliso labo lingenakumbi’ yaye bethembele kuYehova ukuba abalungiselele izinto abazisweleyo, ulwalamano lwabo naye luyomelela.—Mat. 6:22, 25, 32; Heb. 13:5, 6.
3. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kokusukela ubutyebi bokomoya nokusukela izinto eziphathekayo?
3 Ukusukela ubutyebi kudla ngokubangela “iminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo.” (1 Tim. 6:9, 10; Yak. 5:1-3) Ayikhe yenzeke loo nto xa umntu esikelelwa nguYehova. Ukusebenzisa ixesha labo elininzi entsimini kunceda oovulindlela ukuba balungelelane ngokomoya kwaye bacacelwe zezona zinto zibalulekileyo. (Fil. 1:10) Omnye umzalwana wayeka umsebenzi wakhe wobunjineli owawusitya ixesha elininzi, waza waba nguvulindlela. Wathi: “Umsebenzi ebendiwenza ubundiqoba. Kodwa ubuvulindlela bona abundiqobi. Ngoku ndinceda abantu ndize ndibafundise inyaniso. Lo msebenzi uyanelisa kwaye ubangel’ umdla nangakumbi.”
4. Oovulindlela abathe ngxi basikelelwa njani xa besiza neentsikelelo kwabanye abantu?
4 Iintsikelelo Ezifunyanwa Ngabanye: Namhlanje, sonke siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Tim. 3:1) Bonke abantu bayalifuna ithemba. Abavakalisi boBukumkani bavuyiswa kukubona ukuba abantu abebethe khunubembe betshintsha babe nethemba njengoko besamkela iindaba ezilungileyo. Oovulindlela abathe ngxi bakuvuyela ngokwenene ukunikela ngeeyure ezingaphezu kwama-800 nyaka ngamnye besenza lo msebenzi wokusindisa ubomi babantu!—1 Tim. 4:16.
5, 6. Yintoni enokukunceda ukwazi ukuba nguvulindlela othe ngxi?
5 Ngaba uyacinga ngokuba nguvulindlela othe ngxi? Kunokufuneka ‘uzongele ixesha,’ ungalichithi kwizinto ezingabalulekanga. (Efe. 5:15, 16) Abaninzi baye benjenjalo baza baphila ubomi obulula, nto leyo ebenze abachitha ixesha elininzi kumsebenzi wempangelo, kodwa basebenzisa ixesha elingakumbi kwizinto zoBukumkani. Ngaba akungehlengahlengisi izinto zakho ukuze nawe uyingenele le nkonzo?
6 Thandaza kuYehova ucele ubulumko ukuze wenze ucwangciso oluya kukunceda. (Yak. 1:5) Ziziphi iintsikelelo onokulindela ukuzifumana? Uza kufumana ubutyebi bokomoya obuninzi! UYehova uya kukusikelela nangezinto ozisweleyo. (Mat. 6:33) Abo bamvavanyayo uYehova kule nkalo baya kufumana “intsikelelo kude kungasweleki nto.”—Mal. 3:10.