Fundisa Abantu Ukuba Bamthande UYehova
1. Yintoni esondeza abantu kuYehova?
1 Ngaba usakhumbula xa wawusiva okokuqala ngoYehova? Yintoni eyakwenza wanomdla kuye? Abantu abaninzi abaneentliziyo ezinyanisekileyo baya kukuxelela ukuba into eyabatsalela kuMdali wethu kukwazi iimpawu zakhe ezintle, ngakumbi imfesane nothando lwakhe.—1 Yoh. 4:8.
2, 3. Sinokuyisebenzisa njani incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ukunceda izifundo zethu zimthande nangakumbi uYehova?
2 “Lo NguThixo Wethu”: Incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile igxininisa uthando lukaYehova kwaye ithi kubalulekile ukuba sibe nolwalamano naye. Sinokuyisebenzisa njani le ncwadi ukufundisa abantu ukuba bamthande nangakumbi uThixo? Xa sithetha ngengongoma entsha, sinokubuza imibuzo exhokonx’ iingcinga, enjengothi: “Le nto isifundisa ntoni ngoYehova?” okanye “Le ngongoma ibonisa njani ukuba uYehova ngoyena Bawo ufanelekileyo?” Ukufundisa ngale ndlela kunokusinceda isifundo sakho siqalise ukuba nolwalamano lukanaphakade noYehova.
3 Xa sinceda izifundo zeBhayibhile ukuba zixabise ilungelo lokufumana ulwazi ngokuphela koThixo wenene nophilayo, ziya kwazi ukuba “lo nguThixo wethu,” njengoko uIsaya esitsho. (Isa. 25:9) Xa sicacisa iLizwi likaThixo, kufuneka sigxininise indlela uluntu oluya kusikelelwa ngayo xa kuzalisekiswa iinjongo zikaYehova ngorhulumente oya kuba phantsi koKristu uYesu.—Isa. 9:6, 7.
4, 5. Kuthetha ntoni ukumthanda uYehova?
4 Ubungqina Bokuba Siyamthanda UYehova: Siyazi ukuba ukuthanda uYehova ngentliziyo, ngomphefumlo nangengqondo iphela akupheleli nje ekubeni neemvakalelo ezinamandla ngoThixo. Simele sicinge size siphile ngendlela athanda ngayo. (INdu. 97:10) Xa simthanda uThixo sibonakala ngokuthobela imiyalelo yakhe nangokuqhubeka ‘nehambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo,’ kwanaxa silingwa yaye sichaswa.—2 Pet. 3:11; 2 Yoh. 6.
5 Kumnandi ukwenza ukuthanda kukaThixo kuba simthanda. (INdu. 40:8) Isifundo seBhayibhile simele siqonde ukuba yonke imiyalelo kaThixo yenzelwe ukunceda abakhonzi Bakhe ngonaphakade. (Dut. 10:12, 13) Xa umntu ephila ngokhokelo lukaYehova, ubonisa ukuba uyixabisa ngokwenene yonke imisebenzi Yakhe emihle. Nceda isifundo sakho siqonde ukuba ukuhamba ngeendlela zikaYehova zobulungisa kuya kusisindisa ezinkathazweni.
6. Uya kusikelelwa njani umntu othanda uYehova?
6 Iintsikelelo Zabo Bamthandayo UThixo: UYehova ubakhathalela ngokwenene abantu abathobekileyo abamthandayo, kwaye ubatyhilela ‘izinto ezinzulu zikaThixo.’ (1 Kor. 2:9, 10) Xa bezazi ngolo hlobo iinjongo zikaYehova, balibona kakuhle ikamva baze babe nethemba eliqinisekileyo. (Yer. 29:11) UThixo ubenzela ububele obungaqhelekanga abantu abamthandayo. (Eks. 20:6) Bayalixabisa ithemba lobomi obungunaphakade kuba uThixo ebathanda kakhulu.—Yoh. 3:16.
7. Uziva njani ngokufundisa abantu ukuba bamthande uYehova?
7 Okukhona sisiya simazi uBawo wethu osezulwini, kokukhona siya kuba nezinto ezininzi esinokuzixelela abanye ngaye. (Mat. 13:52) Elinjani lona ukuzuka ilungelo lokufundisa abantu, ngokukodwa abantwana bethu, ukuba bamthande uYehova! (Dut. 6:5-7) Ngamana thina, kunye nezifundo zethu zeBhayibhile, singaqhubeka simpompoza indumiso njengoko sibona ‘ubuninzi bokulunga kukaYehova.’—INdu. 145:7.