Ukushumayela Kufuna Unyamezelo
1 Kangangeminyaka engaphezu kwama-30, umpostile uPawulos wayesenza umsebenzi owanelisayo wokuhambisa ivangeli. Njengakuwo nawuphi umsebenzi obalulekileyo, wayehlangabezana nocelomngeni kumsebenzi wakhe wokushumayela. (2 Kor. 11:23-29) Sekunjalo, uPawulos akazange anikezele. (2 Kor. 4:1) Wayeqonda ukuba amandla okunyamezela ngoxa efeza ubulungiseleli bakhe wayeza kuwafumana kuYehova. (Fil. 4:13) Xa wayecinga ngomzekelo wakhe wokunyamezela ngokuthembeka, uPawulos wathi: “Yibani ngabaxelisa mna, njengoko nam ndixelisa uKristu.”—1 Kor. 11:1.
2 Ukunyamezela Izilingo Kule Mihla: Suku ngalunye, abazalwana bethu bayagculelwa baze batshutshiswe okanye bachaswe ngamalungu entsapho, ngabo basebenza nabo, okanye abo bafunda nabo esikolweni. (Mat. 10:35; Yoh. 15:20) Usenokuba ukwimeko efanayo. Kwelinye icala, kusenokwenzeka impilo yakho inkenenkene, okanye mihla le ulwa neziphazamiso okanye izilingo ezinokuvavanya ukholo nonyamezelo lwakho. Sinokomelezwa kukufunda ngemizekelo yabakhonzi abathembekileyo bamandulo neyamaKristu ale mihla aye ajamelana nocelomngeni aza aloyisa.—1 Pet. 5:9.
3 Sinokufumana amandla okusinceda sihlale somelele kubulungiseleli bethu ‘ngokwambatha sonke isikrweqe sikaThixo.’ (Efe. 6:10-13, 15) Ukuthandazela unyamezelo kubalulekile. UThixo usinika umoya wakhe oyingcwele ukuze sinyamezele izilingo. (2 Kor. 6:4-7) Ukuze siphumelele kule mfazwe yokomoya, simele sithobele izikhumbuzo zikaThixo ukuze zihlaziye umoya wethu. (INdu. 119:24, 85-88) Njengokuba umntwana eyifunda ngokuphindaphindiweyo incwadi esuka kubawo onothando, ufundo lwethu lweBhayibhile lwemihla ngemihla lunokomeleza ulwalamano lwethu noYehova. Sifumana ubulumko bokuhlangabezana nezilingo ngofundo lobuqu, ngaloo ndlela sivumela iingcinga zikaThixo ukuba ziphembelele izigqibo zethu yaye zomeleze ingqibelelo yethu.—IMize. 2:10, 11.
4 Unyamezelo Luzisa Iintsikelelo: Njengokuba kwakunjalo kwimeko kaPawulos, ukunyamezela kwethu ngokuthembeka ngoxa sifeza ubulungiseleli bethu kuyenza ibe nemihlali intliziyo kaYehova yaye kuzisa iintsikelelo kuthi nakwabanye. (IMize. 27:11) Ngamana singazimisela ngakumbi kubulungiseleli, ngaloo ndlela singqina ukomelela kokholo lwethu “oluxabiso likhulu ngakumbi kunegolide etshabalalayo phezu kwako nje ukucikidwa kwayo ngomlilo.”—1 Pet. 1:6, 7.