Indlela Yokusebenzisa Incwadi Ethi “Uthando LukaThixo” Xa Uqhuba Izifundo ZeBhayibhile
1. Yintoni injongo yencwadi ethi “Uthando LukaThixo”?
1 Sivuye kakhulu kwiNdibano YeSithili ‘Yokukhokelwa Ngumoya KaThixo’ xa bekukhululwa incwadi ethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo”! Njengoko kwazisiwe, le ncwadi yenzelwe ukusinceda sazi size siyithande imilinganiselo yokuziphatha kaYehova kwaye ayenzelwanga ukufundisa iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Asizukuyihambisa le ncwadi kwindlu ngendlu.
2. Iza kusetyenziswa njani le ncwadi, yaye iza kufundwa nabani?
2 Le ncwadi iza kuba yincwadi yesibini eza kufundwa nezifundo zeBhayibhile emva kwencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Sicela nikhumbule ukuba abantu bakhula ngesantya esingafaniyo ngokomoya. Mntu ngamnye makafundiswe ngesantya esimlingeneyo. Qiniseka ukuba uwuqonda kakuhle umbandela eniwufundayo. Kwiimeko ezininzi, le ncwadi ayifanele isetyenziselwe ukuqalisa izifundo nabantu abasele befundelwe iincwadi ezininzi kodwa bengezi kwiintlanganiso zebandla yaye bengenamdla wokutshintsha ubomi babo buvumelane nenyaniso abayifunde kwiBhayibhile.
3. Simele senze ntoni ukuba siqhuba isifundo ngencwadi ethi Nqula UThixo?
3 Ukuba uqhuba isifundo ngencwadi ethi Nqula UThixo yaye ukwizahluko zayo zokugqibela, usenokuyigqibezela uze ukhuthaze isifundo sakho ukuba sizifundele incwadi ethi “Uthando LukaThixo.” Kungenjalo, kungakuhle ukuba utshintshele kule ncwadi intsha uze uyiqale ekuqaleni. Njengakwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, kukuwe ukuyixubusha imixholo efumaneka kwisihlomelo.
4. Simele senze ntoni ukuba isifundo sethu sibhaptizwa ngaphambi kokuba siyigqibe incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile nethi “Uthando LukaThixo”?
4 Ukuba isifundo siyabhaptizwa ngaphambi kokuba sizigqibe zombini ezi ncwadi, simele siqhubeke side siyigqibe incwadi ethi “Uthando LukaThixo.” Nangona isifundo sele sibhaptiziwe, unokulifaka kwingxelo yakho elo xesha, usibale kumabuyelo kunye nakwizifundo zakho. Nomvakalisi ohamba nawe aze abe nenxaxheba kweso sifundo naye usenokulibala elo xesha.
5. Incwadi ethi “Uthando LukaThixo” inokusetyenziswa njani ukuze kuncedwe umvakalisi obepholile kangengexesha elithile?
5 Ukuba wabelwe lilungu leKomiti Yenkonzo Yebandla ukuba ufundele umvakalisi opholileyo, usenokucelwa ukuba ufunde izahluko ezithile kwincwadi ethi “Uthando LukaThixo.” Akuyomfuneko ukuba izifundo ezinjalo ziqhutywe ixesha elide. Le ncwadi ililungiselelo elihle elenzelwe ukusinceda ‘sizigcine kuthando lukaThixo’!—Yude 21.