Ukushumayela Kusigcina Somelele Ngokomoya
1. Ukushumayela kunaziphi iingenelo kuthi?
1 Ukuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela kunako ukusomeleza ngokomoya size sifumane uvuyo olungakumbi. Kuyinyaniso kona ukuba ubukhulu becala sishumayela ngenjongo yokuvuyisa uYehova. Noko ke, xa sithobela umyalelo ‘wokushumayela ilizwi,’ uYehova uyasisikelela size nathi singenelwe nangezinye iindlela. (2 Tim. 4:2; Isa. 48:17, 18) Ukushumayela kunokusomeleza kuze kusivuyise njani?
2. Ukushumayela kusomeleza ngaziphi iindlela?
2 Siyomelezwa Yaye Siyasikelelwa: Ukushumayela kusikhuthaza ukuba sinikele ingqalelo kwiintsikelelo zoBukumkani kunakumaxhala ale mihla. (2 Kor. 4:18) Ukucacisa iimfundiso zeBhayibhile komeleza ukholo lwethu kwizithembiso zikaYehova yaye kusenza siyixabise inyaniso. (Isa. 65:13, 14) Njengoko sinceda abanye abantu bakhule ngokomoya ukuze ‘bangabi yinxalenye yehlabathi,’ sizimisela nangakumbi ukwahluka ehlabathini.—Yoh. 17:14, 16; Roma 12:2.
3. Ukushumayela kusinceda njani sibe neempawu zobuKristu?
3 Ukushumayela kusinceda sibe neempawu zobuKristu. Ngokomzekelo, ukuzama ukuba “zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo” kusinceda sithobeke nangakumbi. (1 Kor. 9:19-23) Xa sithetha nabantu ‘abahlinzekileyo nabalahlwe njengezimvu ezingenamalusi,’ sifunda ukuba novelwano. (Mat. 9:36) Sifunda ukunyamezela xa siqhubeka nangona abantu bengenamdla okanye besichasa. Sivuya nangakumbi kuba sinikela ngeziqu zethu ngenxa yabanye.—IZe. 20:35.
4. Uvakalelwa njani ngobulungiseleli bakho?
4 Hayi indlela esisikelelwa ngayo ngokuba nobulungiseleli obuzukisa Lowo ufanelwe kukunqulwa sithi! Ubulungiseleli buyasomeleza. Buzisa iintsikelelo kwabo bazilahlele nofele ‘ekunikeleni ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo.’—IZe. 20:24.