IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/09 iphe. 1
  • Ukushumayela Kwethu—Kubonisa Ukuba Siyamthanda UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukushumayela Kwethu—Kubonisa Ukuba Siyamthanda UThixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Mthande UThixo Okuthandayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Uthando​—⁠Uphawu Oluxabiseke Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Yakheka Ngenxa Yothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • “Uze Umthande UYehova UThixo Wakho”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2009
km 6/09 iphe. 1

Ukushumayela Kwethu—Kubonisa Ukuba Siyamthanda UThixo

1. Ukuthanda uThixo kwabangela ukuba uYesu enze ntoni?

1 Uthando lwashukumisela uYesu ukuba ashumayele. Zonke iinkalo zokushumayela kukaYesu zibubungqina obungenakuphikiswa bokuba uyamthanda uYehova. UYesu wathi: “Ukuze ihlabathi lazi ukuba ndiyamthanda uBawo, kwananjengoko uBawo endinike umyalelo wokwenza, ndenjenjalo.” (Yoh. 14:31) Njengabalandeli bakaYesu, sinelungelo lokubonisa ukuba simthanda kakhulu uThixo ngokushumayela.—Mat. 22:37; Efe. 5:1, 2.

2. Ukumthanda kwethu uYehova kuwuchaphazela njani umsebenzi wethu wokushumayela?

2 “Igama Lakho Malingcwaliswe”: Xa siwasebenzisa onke amathuba okuthetha nabantu ngoYehova nangelungiselelo loBukumkani bakhe, sibonisa ukuba siyamthanda uThixo yaye, eneneni, siba negalelo ekungcwaliseni igama lakhe. (INdu. 83:18; Hez. 36:23; Mat. 6:9) Njengoko kwakunjalo ngokushumayela kukaYesu, nokushumayela kwethu kuyimbonakaliso eqhubekayo yokuba sinqwenela ngokwenene ukuba igama likaYehova lingcwaliswe nokuthanda kwakhe kwenziwe.—Mat. 26:39.

3. Ukumthanda kwethu uYehova kusinceda njani soyise imiqobo?

3 Uthando Lusishukumisela Ukuba Soyise Imiqobo: Uthando ngoYehova ludlula yonke imiqobo. (1 Kor. 13:4, 7) UYesu wajamelana neemeko ezininzi ebomini ezazinokumphazamisa ekuphumezeni umsebenzi wakhe wokushumayela. Noko ke, xa wayejamelene nemiqobo, uthando lwakhe nomnqweno wokwenza ukuthanda kukaYehova zamenza wanyamezela. (Marko 3:21; 1 Pet. 2:18-23) Nathi sijamelene neengxaki ezininzi, ibe ukuthanda kwethu uThixo kunokusinceda sizoyise. Xa silandela ngokusondeleyo umzekelo esiwubekelwe nguKristu, sinokukhalipha kwaye singathintelwa nto kumsebenzi wethu wokushumayela. Nangona inkcaso yentsapho, impilo enkenenkene, ukwaluphala, okanye ukungabi namdla kwabantu kunokusichaphazela, akusithinteli ekubeni sibonise ukuba siyamthanda uYehova ngokuphumeza umsebenzi wethu wokushumayela kangangoko sinako.

4. Liliphi ilungelo esilifumanayo ngokuthanda uYehova?

4 Uthando lunamandla, kwaye sisikelelwe ngamandla okukwazi ukubonakalisa ukuba simthanda ngomphefumlo uphela uThixo ngokushumayela. (1 Kor. 13:13) Njengoko sisondela ngokukhawuleza kwixesha lokuba igama likaYehova lingcwaliswe, ngamana ‘uthando lwethu lungaphuphuma ngakumbi nangakumbi.’—Fil. 1:9; Mat. 22:36-38.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share