Uya Kuphendula Uthini?
1. Kutheni sifanele sixelise umzekelo kaYesu xa sibuzwa imibuzo?
1 Nanamhlanje abantu basamangaliswa yindlela uYesu awayeyiphendula ngayo imibuzo. Xa sijamelene nemibuzo eyahlukeneyo entsimini, siya kube senza kakuhle ngokuxelisa uYesu kule nkalo.—1 Pet. 2:21.
2. Yintoni enokusinceda siphendule kakuhle?
2 Phulaphula Kuqala: UYesu wayecinga ngembono yaloo mntu ubuza umbuzo. Ngamanye amaxesha oku kufuna sibuze imibuzo ukuze siqonde ukuba loo mntu ufuna ukuthini. Umntu othi, “Ngaba uyakholelwa kuYesu?” kusenokwenzeka ukuba ubuza isizathu sokuba ungabhiyozeli iKrismesi. Ukuba uyakuqonda oko kuthethwa ngulowo ubuzayo, ungaqiqa naye ngokuphumelelayo.—Luka 10:25-37.
3. Yintoni esinayo enokusinceda sifumane iimpendulo zeZibhalo ezanelisayo?
3 Phendula NgeLizwi LikaThixo: Kudla ngokuba kuhle ukusebenzisa iBhayibhile ukuze ubonise indlela ewuphendula ngayo loo mbuzo. (2 Tim. 3:16, 17; Heb. 4:12) Incwadi ethi Ukuqiqa ne-“Mixholo YeBhayibhile Yengxubusho” ekwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ziye zangqineka ziluncedo ekuphenduleni ngendlela efanelekileyo. Kwanokuba lowo ubuzayo akakholelwa eBhayibhileni, unokumchazela ngobuchule oko iZibhalo zikufundisayo. Mkhuthaze loo mntu ukuba acingisise ngobulumko obuye bangqineka busebenza obufumaneka eBhayibhileni. Ngokuxelisa uYesu, iimpendulo zakho ziya kuba “njengama-apile egolide kwinto yesilivere ekroliweyo”—ziya kuba nesidima, zibe ntle, kwaye zixabiseke.—IMize. 25:11.
4. Kunini apho singafanele siphendule yonke imibuzo?
4 Ngaba Sifanele Siphendule Yonke Imibuzo? Ukuba akuyazi impendulo yombuzo, musa ukuziva uneentloni zokuthi: “Andazi, kodwa ndingenza uphando ngombuzo wakho ndize ndibuye nempendulo.” Ukuthozama okunjalo nokubonisa umdla kuye kunokumshukumisela ukuba akumeme ukuba ubuye. Ukuba uyabona ukuba umbuzo uphuma kubantu abachasayo abafuna ukuqala impikiswano, xelisa uYesu ngokuphendulani nabo. (Luka 20:1-8) Ngokufanayo ke, ukuba umntu ongenamdla enyanisweni ufuna ukuphikisana nawe, ngobuchule yiphelise loo ncoko uze usebenzise ixesha lakho ekufuneni abo banyanisekileyo.—Mat. 7:6.
5. UYesu wasishiyela wuphi umzekelo wokuphendula imibuzo?
5 UYesu wayesazi ukuba ukuthembela ngoYehova kwakubalulekile ukuze aphumeze isabelo sakhe ‘sokungqinela inyaniso’ eyayiquka ukuphendula imibuzo enyanisekileyo. (Yoh. 18:37) Elinjani lona ilungelo esinalo lokuxelisa uYesu ngokunikela impendulo kwabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’!—IZe. 13:48.